Bamthuthuzela bemqhula kuTwitter uBobani, besithi ‘Ngxe Tshangisa’

Obesakuba nguSodolophu waseNelson Mandela Bay uMongameli Bobani UMFANEKISO: TWITTER

IKHASI likaTwitter lobesakuba nguSodolophu waseNelson Mandela Bay, uMongameli Bobani, lizele ziziqhulo uluntu lusenza la nto lo Sodolophu ebeyenza esaxhuzul’ imikhala – leyo yokuhlala eqhula nabantu.


Noxa nje egxothiwe liBhunga likaMasipala kusasa ngoLwesine, lo kaBobani ukhe wathatha ithuba ngokuhlwa kwangoLwesine, esebenzisa uTwitter wakhe njengoSodolophu @BobaniMayor, wayokubulela “kwiqabane” ebelithuthuzela ngamazwi wemvumi yeKwaito uMandoza athi “Indoda ingawa namhlanje kusasa iphinde ivuke”.

UBobani uphendule kula mazwi ngesiNgesi esithi “Enkosi Qabane”.

Abasebenzisi bakaTwitter, bengenelela kule ngxoxo, bathathe ithuba beqhula lo kaBobani. 

Omnye uthe: “Umthetho wejoni lifela emfazweni, uzamile nangona ungabuyanga nanto nje.”

Omnye ubuze ukuba “Usekhona na Tshangisa, Ngxee Zulu”, logama omnye ebebuza esithi “Kuba wawungene ngemvula, uphuma ngeLoadshedding?”

Kusenjalo, obekade enguSekela Sodolophu uThsonono Buyeye we-AIC ubambele njengoSodolophu de kusekwe urhulumente wenkazathi (coalition) kunyaka ozayo.

UNobhala weANC eMpuma Koloni uLulama Ngcukayitobi uthi iofisi kaBobani isilele ekuguquleni iimpilo zoluntu lwalo masipala, logama yona iDA, ngokomlomo kaAthol Trollip, idize ukuba lo kaBobani ebelawula ngegqudu futhi engaselanga liso iimfuno zoluntu.

Inkokeli yeUDM uNjengele Bantu Holomisa uthi uBobani bekucacile ukuba soze ahlale xesha lide kuba wala ukwenzela inyoba amalungu weminye imibutho.