Bancedwe lixhwele abebehlutshwa ‘sisithunzela’

UZongezile Adonisi kwilali yakwaNontshinga kuCentane owayenengxaki yento engaziwayo emzini wakheUmfanekiso: BHEKI RADEBE

“Kwakusele kunqabe nje ukuba ithethe into eyayigqugqisa isiphehluzelisa isenza unothanda ekhaya, umhlola wento esingenokuze siyilibale ezingqondweni zethu.”

Lawo ngamazwi kaSimphiwe Adonisi nongunyana wekhaya elaliphila ubomi bentshontsho ngenxa yokuhlutshwa “sisithunzela” esasisenza unothanda kowabo ngokuthi sibagibisele ngamatye, sitshisa neempahla kwilali yakuNontshinga kuCentane.

Amazwi kaSimphiwe alandela emva kokuba ikhaya labo lide labe liyaphumla ngenxa yoncedo lwexhwele laseMthatha elakhupha “bonke oohili” kweli khaya.

Eli khaya lithi noko nobuthongo buyehla ngoku akusafani nangaphambili.

Le nto ibizwa ukuba “sisithunzela” yaqala kunyaka ophelileyo kwinyanga yeSilimela, yaqhuba iinyanga zantathu isenza into enye. USimphiwe uthi baphatheka kabuhlungu kwaye nentuthuzelo ngokwasemphefumlweni ibibafanele belusapho. Usapho luthi uxabisa imali eninzi kakhulu umonakalo owenzekayo kwikhaya labo nanjengoko kusafuneka beqale phantsi ukulungisa kwanokufakela umbane kuba iintambo zaqhawulwa sesi “sithunzela”.

Utata wekhaya uZongezile Adonisi, 68, wenze umbulelo kubantu bonke kuquka iinkonzo ezahlukeneyo, amanina aseMbhashe, eMnquma nababe mphathela neepasile zokutya bemane bezokufaka umthandazo kweli khaya. UZongezile naye uthi ngamawaka ngamawaka awakhuphe emagqirheni nasemaxhweleni ezama ukugxotha esi “sithunzela” kodwa uthi emva kweentsuku ezimbalwa ibiye iqale phantsi into.

“Elokugqibela ixhwele ndikhuphe iR8 000 futhi khange ndiyikhalele besele ndifuna kwamntu wesiXhosa ekuthwa uyanceda, bendimbiza eze ndiyikhuphe imali kuba bendifuna ukuncedakala. Kaloku ukuhlala phandle unezindlu ibingeyonto imnandi leyo. Umzi wooSithathu uyabulela, ubamba ngazo zozibini kwinkxaso yoluntu. “Ndiyalibulela ixhwele elindincede kakhulu ngomzi wam. Lachitha iintsuku ezingaphaya kwesine sihleli nalo phandle, lasinceda. Mhlawumbi ngesele kwaphuma isidumbu ngoku kuba asiyazi elandelayo yayiza kuba yintoni,” utshilo uZongezile.

USimphiwe uthi, sele besiva nje into erhwatshazayo okanye ewayo sele bephakuzela becinga esezolo.

I’solezwe lesiXhosa latyelela eli khaya kunyaka ophelileyo ngethuba kuqhubeka le nto liyokuzibonela, apho labona umbono ombi wosapho olunxungupheleyo luxakiwe ukuba lakudibanisa ntoni nantoni ukuze kumke lo moya umdaka.

Umzi omhle wakwaAdonisi wajika wayimvuthuluka, nanjengoko iigilasi zeefesitile zaziphelile zigityiselwa sesi “sithunzela” ngamatye.

Amatye lawo “isithunzela” esasigibisela ngawo agcwalise ingxowa phandle usapho olwayibonisa I’solezwe. Iimpahla zonke zendlu zazitshile kwaye ziphandle ngenxa yomlilo osuke utshise impahla ethile ngosuku ocinge ngalo ukutshisa.

Abantu bolu sapho safika benezivubeko neenduma emzimbeni kukugityiselwa ngamatye esithunzela.

UZongezile uthi beva ngamagqirha ukuba “sisithunzela” esi sisemzini wabo.

Uthi le nto yaqala kwinyanga kaCanzibe emva kokuba kwasa kuthathwe ukutya kwindlu engasahlali bantu kweli khaya, kuqhekezwe ifesitile, bacinga ukuba ngabantwana abamoshileyo.

UNkosi uSiyabulela Bushenge uthe noko akusafani, ubulela uThixo kwakunye nezihlwele ezithe zahlangula ela khaya. “Akukho mnandi xa uyinkokheli kube kuhleli kakubi abantu obakhokeleyo emzini wabo ngenxa yento engaziwayo. Nam ngokunokwam kwakungase ndingayinqanda.”