‘Bandihambise ngencanca abelungu’

“NDITHI ndakubona umntu omhlophe kuvele kuthi nyaka, ndonyanye, ngenxa yabelungu ababini abandikhululisa iimpahla zam ndahamba ze ndijingisa incanca kuba bendityhola ngokuba i-R50 abathi kamva bafumanisa ukuba ayibiwanga ndim.”

Oku kuthethwe nguGcobani Qonya (29) wakumatyotyombe aseCambridge eMonti.

UQonya, onabantwana abathathu, uvele azithi chapha iinyembezi akubalisa isehlo esamehlela kweyeDwarha nyakenye kwindawo asebenza kuyo iWiseguys Bar & Grill eVincent eMonti.

UQonya uthi ababelungu abasebenzi eWiseguys koko babefike kulo mzi wentselo bezokulungisa ezinye zezixhobo zale ndawo.

“Ndathi ndisasebenza ndeva omnye wababelungu endikhwaza, ndaya ndibaleka kuba ndinalangqondo yokuba inokuba bafuna uncedo. Xa ndifikayo wavela wandithi nqaku esandleni wathi ‘hey you fucken kaffir [yhe wena kaffir ndini]’ iphi imali yethu. Yhoo ndandothuke kakhulu yinto enjalo kuba ndandisafika kwasemsebenzini.

“Ndathi ndisadidekile ndibuza ukuba yimali ebitheni le, bathi mandikhulule iiteki, ndazikhulula. Emva koko bathi mandikhulule iikawusi, ndazikhulula. Zange baphelele apho bendiqobisela, bathi mandikhulule ibhulukhwe nempahla yangentla – ndazikhulula,” utshilo uQonya.

Emva kokuba bengayibonanga imali, ababelungu bagrogris uQonya besithi makakhulule isikhinda sangaphantsi (underwear).

“Ndakrinikriniza ndisithi andikwazi ukukhulula i-Underwear kuba ndizele ndinabantwana. Zange bandimamele, benyukelwa ngumsindo besithi ‘hey you fucken kaffir, we’ll moer you [yhe wena kaffir ndini, sakukubetha]’. Ndabona ukuba mandiyikhulule i-Underwear, kodwa abayifumana imali,” utsho uQonya.

Uthi wathi akugqiba ukunxiba, esathukwa sesi sibini sabamhlophe, kwavela umanejala wakhe ezokubuza ukuba kwenzeka ntoni. “Ndandisele ndilila ngelo xesha, umanejala wam wabaxelela ukuba ayilunganga le nto bayenze kum wabe sele ebaxelela ukuba imali yabo uye wayigcina kuba eyibona ukuba izakulahleka,” kutsho uQonya.

Emva kokuba ivelile imali, ababelungu barhuthula i-R20 bexolisa kuQonya. “Ndabaxelela ukuba andiyifuni loo mali yabo, ndabe ndilila ndinawo nomsindo.”

UQonya uthi wayovula ityala emapoliseni aseCambridge kuba waqaphela ukuba ubhuqwa ngumvandedwa nomsindo yile nto yenzeka kuye. I’solezwe liwabonile amaxwebhu asesipoliseni kwaye kwavulwa ityala. Umlungu ochaphazeleka kweli tyala nguJohannes Vosloo, owaxelela amapolisa kwimbalelwano ebonwe liphephandaba I’solezwe ukuba mayemrhanela ngokuba le R50 uQonya.

“Ndathi makakhulule izihlangu neekawusi, emva koko ndathi makakhulule ibhulukhwe. Andizange ndimkhululise i-Underwear, yavela yaziwela. Ndamnika iR20 ndixolisa, kodwa wala ukuyithatha,” utshilo uVosloo.

Sisithuba sonyaka senzeka esi sehlo, kwaye uQonya uthi akonelisekanga yindlela amapolisa awusingathe ngawo lo mba. “Into endiyifunayo kukuba ababelungu badibane nomthetho kuba mna ndishiyeke ndinesilonda ngaphakathi, futhi andinawo amandla nemali yokuzilwela kubo. Ndiyayibona nale yokuba lo mlungu [uVosloo] esithi nguye owenza le nto, esitsho efihla utshomi wakhe,” utshilo uQonya.

Isithethi samapolisa aseCambridge uKapteni Nkosikho Mzuku uthe xxxxxxxx xxxxxxxxxx xxxxxxxxxxxxxxxxx xxxxxxxxxxxxxxxxx xxxxxxxxxxxxx xxxxxxxxxxxx xxxxxxxxxxxxxxxxxxxx xxxxxxxxxxxx xxxxxxxxxxxxxxxx