Banethemba leNdebe yeHlabathi abalandeli beBoks!

AmaBhokobhoko ayiqukumbele ngendlela engancumisiyo kwaphela imidlalo yonyaka ka2018 emva kokubethwa yiWales ngo’20-11 kumdlalo wovavanyo obuseCardiff kwimpelaveki edlulileyo.

Nangona iqela lesizwe liqhube kakubi kwimidlalo ethile, abalandeli bathi likhona ithemba kwisikhokelo sikaRassie Erasmus noSiya Kolisi.

IBoks iphumelele isiqingatha semidlalo eyidlalileyo kulo nyaka. Umlandeli weBoks ozinze eKapa ogama linguMninawa Yame uthi unalo ithemba lokuba lingayiphumelela indebe yomhlaba iqela likaErasmus.

“Akhulile amaqela amaninzi embhoxweni kwihlabathi jikelele. Kodwa ndinalo ithemba lokuba singabuya nayo indebe yehlabathi eza kubanjelwa eJapan kunyaka ozayo. Ndinalo ithemba kwisikhokelo sikaRassie noKolisi. La mpumelelo sayifumana eNew Zealand kwinyanga yoMsintsi; yiyo endenza ndibe nethemba,” utshilo uYame.

Omnye umlandeli weBoks nguSinethemba Sinobolo waseMdantsane othi ukholelwa kwelokuba uErasmus usibuyisile isidima seBoks.

“IWales ayiloqela elilula. Bendilindele nantoni na xa sidlala nayo. Kodwa, usibuyisile isidima sethu uRassie. Noko, iyabonakala indima yakhe kakhulu. Ndinalo ithemba lokuba singenza izinto ezibukwayo kwindebe yehlabathi,” utshilo uSinobolo.

Kanti uRassie Erasmus wakhe waxelela oonondaba emva kokuba iBoks ibethe iAustralia okokuba uza kusebenzisa yonke imidlalo yalo nyaka njengamalungiselelo wokuya kwindebe yehlabathi.

“Kulo nyaka, andijonganga mpumelelo kangako. Eyona nto ndiyifunayo kukwakha iqela eliza kuthi lisimele kwindebe yehlabathi eJapan,” watsho uRassie.

Phantsi kwesandla sikaErasmus, iBoks ibethwe kabini yiWales nayiNgilane. Yabethwa kwakanye yiNew Zealand, Australia neArgentina.

UMzantsi Afrika uzibethele iNgilane kabini, iNew Zealand, iAustralia, iScotland neFrance.

Ngoku AmaBhokobhoko akwindawo yesihlanu kumanqwanqwa ehlabathi, esuka kwindawo yesixhenxe.

isibhalo@inl.co.za