Banethemba lokuba angabuyel’ ekhaya uDalindyebo

Buyelekhaya Dalindyebo

IIKUMKANI zaseMpuma Koloni zithi indibano ezithe zayibamba noMongameli weli uJacob Zuma kule veki, izinike ithemba lokuba iKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Zwelibanzi Dalindyebo angafumana uxolelo kwisigwebo sakhe.

Ezi kumkani bezibambe indibano noMongameli Zuma eRhawutini ngeenjongo zokucela lo kaZuma ukuba axolele uDalindyebo odontsa isigwebo seminyaka elishumi elinesibini ejele.

IKumkani yamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu, eyabaThembu baseRhode uSiyambonga Dalimvula Matanzima, eyamaMpondo aseNtshona uNdamase Ndamase, eyamaMpondo aseMpuma uKumkanikazi Lombekiso MaSobhuza Sigcau zither zayinxalenye yale ndibano.

IKumkanikazi yamaRharhabe uNoloyiso Sandile akakhange aphumelele kodwa ebemelwe nguNkosana Zolile Burns-Ncamashe.

Othethela eli gqiza, uNkosana Mlamli Ndamase uthi uZuma ubonakalise ububele ngethuba edibana nabo.

“Ebesenza (uZuma) iziqhulo njengesiqhelo, futhi ebonakala ekhululekile. Ubulise iikumkani ngenkulu imbeko, emva koko sawondlala umcimbi.

“Ububele nothando alubonakalisileyo, businika ithemba lokuba angaxolelwa uZwelibanzi. Emva kwendibano, uMongameli usixelele ukuba uzakusinika ingqwalasela isiphakamiso sethu sokuba makuxolelwe ikumkani yabaThembu,” utshilo uNdamase.

Kodwa elinye lamaxhoba kaDalindyebo lithi bona bachasene neenzame zokuxolelwa kwale kumkani.

“UBuyelekhaya akasokuze akhululwe. Ulonwabo salufumana mhla wabanjwa. Makabolele phaya ejele kuba imbi into awasenza yona. Ndisokola nje kungenxa yakhe,” utshilo uMbuzeni Makhwenkwana, ixhoba lolwaphulo-mthetho lukaDalindyebo.

UMakhwenkwana watshiselwa izindlu zakhe ligquba elalihamba noDalindyebo ngo1995. Isizathu sokuba atshiselwe izindlu nguDalindyebo, kukuba wabulala umntu waseTyhalarha (ilali emelene neBumbane) ngethuba beseRhawutini.

“Inkundla yandifumana ndinetyala lokubulala yandigweba iminyaka elishumi elinesihlanu, zange ndixolelwe. Naye ke uBuyelekhaya makadontse esakhe isigwebo,” kutsho uMakhwenkwana.