Bangangxameli ukugoduka abaseZimbabwe

Oko kule veki iphelileyo sonke sithe ntsho amehlo kwimeko yelizwe laseZimbabwe. Simincile singayazi ukuba utata uRobert Mugabe uzakuvuma ukwehla okanye hayi.

Ezinye zezinto ebezisimincisa kungayazi ukuba lonke olu tshintsho lunyanzeliswayo luzakwenzeka kungaphalalanga gazi na. Tyhini, bayenza ngobunono nangobuchule abongamele umkhosi kwela lizwe sagcoba nathi ukubona abemi bela lizwe bebhiyozela ukushiya kwesikhundla kukaMugabe kungakhange kubekho chaphaza lagazi.

Ukuba uyakhumbula kakuhle amatyathanga nabemi bela lizwe, kuthi ke bantu basekuhlaleni, aye aqina ngonyaka ka2005 xa amafama amhlophe ela lizwe ayexuthwa imihlaba yaze lo nto yenza ezoqoqosho zela zwe zahexa kanobom.

Okokuqala ezimbalini kwabakho inani elikhulu lamaZimbabwe elafudukayo lisiza kweli lethu ilizwe. Yayilunxungaphalo sibukele abantu besifa yindlala bezokukhangela amarhewu aluhlaza eMzantsi Afrika.

Olu fuduko ke lwabona abantu abazizifundiswa kwela lizwe befika apha besenza imisebenzi esezantsi kakhulu kunemfundo yabo. Sabona oogqirha bela lizwe befika apha besenza imisebenzi yegadi, iinjineli zodidi zehla zenza imisetyenzana emincinane khona ukuze babenemalana abayithumela ekhaya neyokuze bakwazi ukuziphilisa ngeli xesha bengxungxile kweli lakuthi.

Sazibona ngoku abantu esibaqeshayo ukuba basincede emakhayeni ethu, ngemisetyenzana yokucoca nokusijongela abantwana bethu uninzi lwabo ingabemi baseZimbabwe.

Nantso ke yafika imini ebikade ixelwa eZimbabwe yaqhawuka idyokhwe yobukhoboka yobunkokheli bukaRobert Mugabe. Ndithetha nawe nje aba bafo namagqiyazana aseZimbabwe apakisha imithwalo yabo kancinci kancinci belungiselela indlela ebuyela ekhaya elizweni labo.

Thina baqeshi babo savela sazala luloyiko ngokuba le genge yaseZimbabwe ikhuthele kakhulu, kwaye xa iwuphethe umsebenzi iwenza ngocoselelo nangokuzinikela nokuzimisela okukhulu. Izandla zethu zisezidleleni sikhedanyiswa yile nto iza kusehlela kungentsuku zatywala. Kaloku abantakwethu noosisi bethu aba balapha eMzantsi Afrika bangamanqenerha kakhulu kwaye balovela oogqirha nezicaka engqeshweni.

Ingasuke kuthi kanti abantu bethu bafunde lukhulu kubemmi baseZimbabwe abaxelenga nabo ngokukhuthala nangokuwuxabisa umsebenzi.

Phofu ke ibikwa ngabantakwethu aba ababesenza ubundlobongela kubemmi bangaphandle kuba besithi babagqibela imisebenzi, kanti isikhwasilima sikwalapha kuthi ngokungazimiseli engqeshweni, nangokungawasebenzisi amathuba oshishino akhoyo phambi kwethu.

Omnye sithe sincokola ngale nto wasothula apha isikhalo, esithi xa enokumka la mntu waseZimbabwe umphotha iinwele akazazi angathini na.

Nam ndancedisa kwelo ndisithi azuba owam umntwana uzakugcinwa ngubani. Yadanduluka nenye indoda isithi azuba iyadi yayo iyakwenzwa ngubani na xa bonke abemi bela lizwe benokusishiya ngesiquphe.

Zonke ezi ncoko zindenze ndalibona igalelo elihle elenziwe ngabemmi bela lizwe ebomini bethu, masibancome ngomsebenzi wabo oncomekayo phakathi kwethu.

Ndiyafuna ke nathi singaphakuzeli, abazi kuhamba bonke ngaxesha linye ukubuyela ezweni lakowabo, ininzi into ekufuneka ilungisiwe kwela lizwe kwaye yonke ayizukulunga ngemini enye.

Siyayivuyela iZimbabwe nabemmi bayo, kodwa ke nisicingele nathi baqeshi benu ningasishiyi ngesiquphe ningabhungisanga.