Bangaphandle ngebheyile ababanjwe bephethe intsangu

Bakhululwe ngebheyile uyise, nonyana ebebebanjwe ngezityholo zokushishina ngentsangu kwilali iMfezana kuGatyana. Esi sibini sikhululwe emva kokuvela kwinkundla kaMantyi eGcuwa ngentsasa yangoLwesihlanu.

UThandekile Sajini 59 kwakunye nonyanakhe
uThandazile Sajini 24, babanjwe ngeCawa kwikhaya labo elikuGatyana emva kokufunyanwa bephethe iibhegi ezigcwele iizoli zentsangu eziyi-138 kwakunye neemvulophu
ezimhlophe ezili-15 nazo zigcwele intsangu. 

Ampolisa athi ixabiso lale ntsangu liqikelelwa kwi-R4000. Isithethi samapolisa aseGcuwa uKhapteni Jackson Manatha uthi unyaka kaSajini ukwafunyenwe neziyobisi zohlobo lwetik, iizoli, zentsangu
ezilishumi kwakunye neemvelophu ezimhlophe ezilithoba nazo zisongele intsangu.

Esisibini sizakuvela ematyaleni kwakhona ngomhla wesithandathu kwinyanga ezayo.