Bangaphi abantu base Mzantsi Afrika

Umphicothi zinkcukacha manani wesizwe uPali Lehohla uzakuba
esothula ingxelo yombindi wonyaka ngamanani wabantu belizwe loMzantsi Afrika
namhlanje ePitoli. Ngokwengxelo yala ofisi lengxelo izakuba ichaza banzi nangesifo
ugawulayo nefuthe laso kwintlalo yabantu belizwe loMzantsi Afrika. Lengxelo
kukwalindeleke ukuba imumathe uqikelelo manani labantu kuzwelonke nakumaphondo
elizwe loMzantsi Afrika. Ingxelo engamanani wabantu ngoko kuzalwa kwabo kwaye
izakunceda ukunika umkhomba ndlela isicwangciso sikarhulumente kazwelonke
iNational Development Plan.

 Ukuphuma kwalengxelo kuzakunceda urhulumente ukuba akwazi
ukuqhubela phambili izicwangciso zakhe zokulwa nengxaki ezahlukileyo. Ingxelo
yokugqibela yalonyaka kulindeleke ukuba iphume ekupheleni konyaka okanye
ekuqaleni konyaka ozayo. Le ngxelo izakothulwa ngokusemthethweni phambi kwamajelo endaba
eTshedimotse House ePitoli namhlanje.