Bubuqhitala nobu athalala bamagosa kamasipala ombaxa iBuffalo City obukhokelele ukuba abahlali baseVelwano bangene ngokungekho mthethweni ezindlini zabo ezintsha zeRDP.
Ingxelo yabahlali ithi benza oku ngenxa yokuba izindlu zabo ziyaqhekezwa kuthathwa izinto ezifana neesinki, iitepu, iibhafu, amazinki, neentambo zombane.
UNokhanyo Maja ongomnye waba bahlali bathathe isigqibo sokungena ngokungekho mthethweni emva kokubona indlu yakhe idlakazwe ngala masela ezizixhobo.
“Ukusukela ngonyaka ka-2010 oko silinde ukuba sinikwe izindlu zethu ngumasipala waseBCM, asifumani mkhondo kwabasemagunyeni ngaphandle kwezithembiso zemihla ngemihla, zibe izindlu zethu ziqhekezwa,” uthethe oko uMaja.
Ezi zindlu zisemgangathweni oxabisa izigidi zeeranti, inye kuzo ixabisa ngaphaya kwekhulu lamawaka eeranti.
UPhumlani Ngqase uthi aba bantu baqhekeza izindlu zabo basaqhubeka nokubankqonkqozela bezama ukukhangela ukuba kude kwangena abantu kusini na.
“Basafika nangoku becinga ukuba akukho bantu, kwam bathatha onke amacango elangaphambili, nelasekhitshini, ngoku ndihleli kwindlu enamacango endiwathenge ndawafaka ngokwam,” uthethe oko uNgqase.
Kwiveki ephelileyo abahlali bakwaWadi 17 batyhole uceba weANC ngokuba ngomnye wemiqobo ekunikezelweni kwezi zindlu.
Umhlali uSiyabulela Kutu utyhole uceba uPhumla Yenana ngelithi ubambezele ukunikezelwa kwezi zindlu ngelithi uyazithengisa ngokungekho mthethweni.
“Lo ceba wethu uthengisa izindlu ngemali ephaya kwamashumi amahlanu amawaka eerandi (R50 000), yilonto ibangela ukuba kubekho ingxaki xa kufuneka izindlu zigqithiswe ebantwini,” utshilo Kutu.
Kwiinzame zokufumana uluvo lomasipala waseBCM malunga nalomba, ibambela lesithethi kulo masipala uSibusiso Cindi akaphendulanga kwimbalelwano yethu.
Umcimbi wezindlu yenye yeengxaki ezivele kaninzi ngethuba abantu beqhuba uqhankqalazo izihlandlo ezahlukeneyo phambi konyulo loomasipala.
Ezi zindlu zikwajikwe zabangumqolomba wezaphula-mthetho nanjengoko zingenazingcango nazifestile ngenxa yokuqhekezwa.
Yimali eqikelelwa kumashumi amahlanu ezigidi zeerandi esetyenziswe ekwakheni ezi zindlu zonakele zingekahlalwa ngabanikazi bazo.
NgeyoMnga kunyaka ka-2014 kuqhutywe uvavanyo-zimvo zabahlali kukhangelwa iingxaki ezibangela ukulibaziseka kokugqithiswa kwezindlu yiBCM.
Uninzi lwabo bathatha inxaxheba kolu vavanyo zimvo yayikukuthengiswa kwezindlu zeRDP kwanokufakwa kwabantu ngokungekho mthethweni yeyona nto yaphuma phambili.
siyabulela.mqikela@inl.co.za
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo