KUNYULO oludlulileyo luka2014, kwanyanzeleka ukuba kuthunyelwe uthotho lwamapolisa kummandla waseSterkspruit kuba kwakunzima ukuba kubanjwe unyulo.
Esizikithini sale miheshuzo yayingumbutho iSterkspruit Civic Association (SCA) eyayisithi ifuna umasipala wayo kuba ityhola ngelithi umasipala iSenqu (odibanisa iSterkspruit, Lady Grey neBarkly East) usilele ekuphuhliseni iSterkspruit.
Kangangokuba lo mmandla wawuzele zizixholoxholo, urhulumente kazwelonke wade waqaphela le ndawo njengenye yeendawo ezifuna ingqwalasela kunyulo luka2014. Ngenene lwaphazamiseka unyulo luka2014 eSterkspruit, nangona nje laqhuba kwezinye iindawo.
Izinto zijikile kunyulo lwalo nyaka, nanjengoko iSCA ithe yabhalisa kwi-IEC ukungenela unyulo loomasipala.
Usihlalo weSCA uMcebisi Mgojo uthe: “Siye saqaphela ukuba izikhalo zethu zifikelela kwiindlebe ezingevayo kuba aside sincedakale. Mhlawumbi ngokuthi singenele unyulo, utshitsho lungakhona kwezona zinto sasizikhalela eziphambili ezifana namanzi, ugutyulo lwelindle, umbane nezinye.”
“Sifake abantu bethu abanyulwe sithi bahlali abayaziyo imiceli mngeni yethu, ingxaki engazukube iyoqala kwingingqi iye kwiphondo ide iyojika ePitoli sifuna into ezogqitywa apha yenzeke kwalapha.”
Kwinyanga ephelileyo ngethuba bekubhaliselwa okokuqala uvoto, uMgojo uthi ibiyimbali uluntu lukuludwe lokuya kubhalisela uvoto.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup