Banikeza uncedo kwiMathematika abafundi baseHudson

Kunyaka ophelileyo abafundi ababini besikolo samabanga aphakamileyo iHudson Park, uThando Dyasi no-Obakhe Nkohla babone isidingo sokuphakanyiswa kwezifundo zezibalo ekuhlaleni. Babone ukuba akukho maphulo ajongene ngqo nabantu abatsha, nalapho abo banomdla wokwazi nokufundisa bangabelana ngolwazi lwezifundo zeMathematika.

Into ebonakalayo sisizukulwana esingenalwazi kwaye esingalangazeleliyo ukwazi. Ngenxa yokuba iyinto eyaziwayo ukuba iMathematika ingakwazi ukuvula iingcango, kwaye yenze ikamva lo mfundi lowo liqaqambe kuvuleke namathuba i-Omega Junior iye yaqalwa. Ukuze kuvuleke la mathuba kwaye kufakwe ukukhanya kwiphupha lo mntana ngamnye wase-Afrika. Eli liphulo lamabanga aphakamileyo, kwaye liqhutywa ngabafundi besikolo samabanga aphakamileyo.

I-Omega Junior isebenza nje ngomnxeba wokuthungelana kwabafundi bezikolo zamabanga aphakamileyo abasuka kwindawo ezahlukeneyo. Kwingingqi yaseBorder neMpuma Koloni ngokubanzi, eli liqonga lokuba baphucule isakhono sabo kwiMathematika kwaye bakhuliswe ngamathuba abawafumanayo ngokuzifaka kweli phulo.

Ngomhla wesibhozo kule nyanga i-Omega Junior izakube isungulwa ngokuse sikweni kwinkomfa ezakubanjelwa eMonti. Kule nkomfa kubizwe izithethi ezikhulu ezahlukeneyo kwilizwe jikelele.

UThando Dyasi oyinxalenye yabaseki beliphulo uthe: “Lo msebenzi siwenza simahla, sinika abafundi izifundo simahla sinceda abafundi abafunda ibanga lesibhozo ukuya kwibanga leshumi.

Ezi ndibano zethu zokufunda ziyancedisa kakhulu, nje ngokuba zikhokelwa liqela labantu abanolwazi kakhulu ngeMathematika. Aba bafundi baye bafumane ithuba lokunikwa ingqwalasela umfundi ngamnye, batsho bakwazi ukuphucula izifundo zabo.

“Sine zicwangciso ezikhulu. Sinethemba lokuya nakwezinye ingingqi eMpuma Koloni. Okwangoku iindawo esigxile kuzo yiVincent kunye noMdantsane. Umsebenzi esiwenzayo kwezi ndawo uyancomeka, kwaye sinethemba lokuba negalelo ezimpilweni zabanye abafundi kwalapha eMonti,” utshilo uThando.