Banikwa ithuba lokuya e-Angola oosomashishini beli

Isebe lorhwebo kwakunye noshishino libongoza kuzo zonke iinkampani zeli, ingakumbi ezo zikushishino lokuthumela kwamanye amazwe (export), ukuba zifake isicelo sokuthatha inxaxheba kwiFeira Internacional de Angola (FILDA) ngamafuphi ezakube iseLuanda eAngola ukusukela ngomhla wamashumi amabini ananye ukuya kumashumi amabini anesithathu kwinyanga yeKhala kulo nyaka.

Iinkampani kwanamashishini anomdla ekuboniseni ngeemveliso zazo kwaneenkonzo zabo bavumelekile ekubeni babonise ngazo. Izicelo ziyaphelelwa ngomhla wamashumi amabini anesibini kule nyanga sikuyo.

Ngokukasekela mphathiswa kweli sebe uMzwandile Masina uthi, iFILDA izakuzisa ithuba kumashishini eli loMzantsi Afrika abone nethuba lokutyala imali kumazwe afana ne-Angola kwakunye namanye amazwe azakuthi athathe inxaxheba kule ndibano. Iingxelo zithi, kunyaka ophelileyo abengaphaya kwewaka (1 000) amashishini aphuma kumazwe anagamashumi amane (40) awathi athatha inxaxheba kwiFILDA.

Eli sebe lizakuncedisa ekupapasheni le ndibano, izixhobo, ukubhatala iindleko zamashishini amancinci aphethwe ngabantu abamnyama. Iinkampani ezinomdla zingatyelela kule webhusayithi www.thedti.gov.za.