Aphume ngebheyile amanina amathathu atyholwa ngokubandakanyeka kwibholo lokubiwa kwezidumbu kwiziko eligcina imizimba eMthatha ebutsheni bale nyanga.
La manina, uNomagcisa Mayeza, Nomfanelisi Mahlungulu kunye noNomasister Mahlungulu bebevele enkundleni yamatyala izolo ngeliyofaka isicelo sebheyile.
Kwasekuqaleni umbuso awukhange ubonakalise ukuchasa esi sicelo nanjengoko ubunggqina obunikwe ngumphandi wetyala uMasakhane Mdayoshe bungqinelene nokubhalwe ngabarhanelwa besithi bazakuthobela yonke imiqathango yebheyile. Abameli babarhanelwa uVuyani Gwebindlala kunye noPhumza Malifane balwe ngokuyimpumelelo kwesi sicelo.
La magqwetha achaze ukuba abarhanelwa benze amatyala akwinqanaba lesihlanu, abazange bophule mthetho ngaphambili kwaye abekho mngciphekweni wakubaleka ityala ngokungqinelanayo nengxelo yomphandi wetyala.
UMthuthuzeli Rhangule ongumtshutshisi ucacise elubala ukuba abasichasi isicelo sebheyike.
Bobathathu abarhanelwa bathe abazuwavuma amatyala abatyabekwa wona ngumbuso. Eli tyala litsale umdla omkhulu kubantu bale ngingqi. Abanye bavakalise ukudana kukuphuma kwabarhanelwa besithi benza isikizi esele lohlule nelimanyumnyezi kwisizwe esimnyama.
Umrhanelwa ngamnye ujongene namatyala amathathu obuqhophololo. Bonke abarhanelwa bakhululwe ngebheyile yamawaka amathathu erandi.
Ityala limiselwe umhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kwinyanga ezayo. isibhalo@inl.co.za
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!