Kwiinzame zokuncedisa kwimeko emaxongo kwisikolo iXuba Junior Secondary School eXhorha, umphathiswa wesebe lophuhliso lwamaphandle kwakunye nezolimo uMlibo Qoboshiyane izolo unikeze ngeedesika ezingaphaya kwamakhulu amabini kwesi sikolo.
Ukwenza lo msebenzi, uQoboshiyane ebephelekwa nguSodolophu waseMbhashe uNonceba Mfecane kwakunye noNolitha Nkomana wombutho i-African Footprints of Hope Organisation.
Lo mphathiswa ukwanikeze ngezixhobo zolimo ezifana neeharika, imihlakulo, amagaba, iikiliva, izinto zokunkcenkceshela kwakunye nezithole, ngeenjongo zokuba abafundi baxabise ulimo.
Isebe lithi esi sikolo sikhethwe kuba siswele izixhobo zolimo. Abantwana abahlanu kwesi sikolo, bebesebenzisa idesika enye.
Inqununu yaseXuba uMzukisi Silo, uthi ukuziswa kweedesika, sisipho esingasokuze silibaleke kubantwana besisikolo. “Sivuya kakhulu sesisipho, kuba abantwana bazakukwazi ukugxila kwizifundo zabo ngoku,” utshilo uSilo.
Umfundi kaGrade 9 kwesisikolo uSiyanda Mnco uthe: “Siza kuqhuba kakuhle kwizifundo zethu, siyeke ube sityhilizana ngeedesika.”
isibhalo@inl.co.za
UNasreddine Nabi uthumele umyalezo kubalandeli beKaizer Chiefs