Banikwe iinkobe nekofu kuphela!

NgoLwesithathu umhla wama29 kule nyanga yeThupha, xa kanye kuqukunjelwa imibhiyozo engentlonipho kumanina nakumthinjana, ndizive ndingcwalisekile kwaye ndiwongeke kanobom kukuya kunika imbeko yokugqibela kumngcwabo womfundi wam kweli leNtshona Kapa.

Lo mfundi ebengcwatywa lityendyana ebelisaze ngobuso elizweni, umfana wakwaSnyman, ogama linguPitje, nobesenza unyaka wakhe wokugqibela kwizifundo zobufundisintsapho.

Abazali balo mfana nosapho bachazelwe ngokusetyenziswa kwegama lakhe kweli binza, kwaye bavumile, ababona nencinane imposiso.

Abazali beli tyendyana, bebesele bezingomba izifuba, benemigcobo xa bebona inzala yabo ikunyaka wokugqibela ezifundweni, kuba kaloku bebesazi ukuba ukuqalisa kwalo mfana ukusebenza, kukuphunguka koxanduva lokuxhaswa kwakhe ngemali yemfundo, kwanokusebenzela kwakhe ikhaya ukuze kugxotheke indlala ebomvu.

Ngelishwa ke, ukufa kufika kungabhungisanga kwaye ngungabhalanga, kubathathe abantwana bethu sishiyeke sibambe ongezantsi.

Nalo mfana, njengabanye abaninzi, umke ngengozi yemoto ngosuku lwangoMvulo obelunezandyondyo zemvula.

Ngenxa yobumanzi beendlela nokungaboni kakuhle xa kusiwa imvula ngamandla, unyana lo uye wohlulakala ekusilawuleni isithuthi njengabaninzi, laba ke ngolo hlobo liyahlanza iselwa.

Ngoko nangoko, sasuka singootitshala nabafundi ababesondele kuye kwanabo bebekunye naye ezifundweni, saya kugxwala emswaneni, sithuthuzela ngelabadala sisithi “akuhlanga lungehlanga!”

Ixesha elide, abantwana babantu bebekade bethathwa kukufa ngelophisi, kodwa mva nje, kukhangeleka ngathi ubomi obuninzi bumka ezindleleni, ngenxa yeengozi zezithuthi ezisuke zathi gqolo ukwehla. Yhini na le yeengozi ezingaka ezindleleni mzi kaNtu?

Yingxaki eza kuthiwani na le yokusweleka kwabantu kangaka ezindleleni? Inene ayipheli iveki kungaswelekanga bantu ngenxa yeengozi zezithuthi.

Undive kakuhle, ndithi ayipheli iveki kungaswelekanga bantu, andithi kungaswelekanga mntu, kuba baninzi abantu abaphulukana nobomi babo ezindleleni umhla nezolo. Nanamhlanje oku, lingatshona sele sichazelwa ngengozi esube imiphefumlo yabantu bakuthi.

Nalo kaSnyman umntwana, umke ngengozi, wabhukuqa nesithuthi, kwaba kuphelile ngaye. Kodwa ke nakuyiphi into embi, into elusizi, into ebuhlungu, ihlala ikho into enokufundwa okanye ibe yimfundiso kumzi ngokubanzi.

Nakwinkonzo yokugqibela yalo mfanana, siluluntu sifundiswe nto, ngethemba lokuba ekufundisweni kwethu, kuthe kanti sifundile. Akukho nto ibuhlungu ukogqitha le yokufundiswa komntu into, suke aphume kwezo zifundo ethe qhiwu isingxobo esize, engafundanga kwanto koko ebekufundiswa.

Okokuqala, sothukile sakhuza xa abazali balo mfana besazisa izizalwane nezalamane okokuba abangethandi ukuba nenkonzo yesikhumbuzo (memorial service) yalo mfana, batsho besithi bona bayibona inkonzo elolo hlobo iyinkcithamali, kwaye uninzi lwezithethi zinye nezo ziba semngcwabeni. Hehake!

Nimamele na zidwesha zakuthi? Ingaba ikho into eniyikhayo kwesi sigqibo solu sapho? Phofu nakukha ntoni nakugqiba ukuzithanda kangaka izinto ezinenkcithamali, kangangokuba nishiyeke nikwembi yona intlupheko?

Okunye esikubone kulo mzi wasemzini, kukuba benze ngokwendlela ekwakusenziwa ngayo kudala kwaNtu, umzimba womntu ondulukileyo ungagcinwa thuba lide emkhenkceni, kangangokuba athi nangoku sele ebonwa umntu, kufikwe omile, emthuqwasi buluthuthu, kunge asinguye.

Lo mfana ungcwatywe emva kweentsuku ezimbini eswelekile, kangangokuba olo sapho longa imali eninzi ebiza kuchithwa ngokugcinwa kwakhe kumzi wokugcina izidumbu. Kaloku kwalapha kwaNtu, umntu ebengagcinwa xesha lide, ngeenjongo zokumhlonipha yena nosapho lwakhe ngokubanzi, kangangokuba abo belokhaya, izihlobo nezalamane ezisebenza kude, bekusithi xa ziphosiwe ngumngcwabo, ingabi linyala elo, kuba bebesithi mhla bafika, bakhatshwe basiwe edlakeni elo, nabo bafumane ithuba lokunikezela ngembeko yabo yokugqibela.

Ngaphezu kwako konke oku ndikukhankanya ngentla apha, akukho nto indishiye ndimangaliswe ngaphezu kweyokufika kwelo khaya kungalungiswanga nto isiwa phantsi kwempumlo emva komngcwabo.

Bebesithi xa abantu begqiba kuhlamba izandla kwizityana ebezixhonywe kwiintsika ezisesangweni, bakhongozeliswe isandla seenkobe, bakugqiba bafunjathiswe isingxotyana sekofu esinomzobo wobuso balo mfana.

Xa umntu enikwa ezi zinto, bekuye kuthiwe maze uthi xa ufika ekhaya, ugalele le kofu emanzini, uphunge, uze uthi ngeli lixa uphungayo, ukhumbule uPitje Snyman.

Ndibuzile kumzala wakhe ngale meko, wandichazela ukuba ibisisigqibo esabhalwa phantsi ngokomyolelo esi ngumfi lo, esithi mhla wanduluka yena, endaweni yokuchitha imali ekutyeni, yonke imali eyongiweyo, nethe xa ichazwa yafikelela kuma-R25 000, maze isiwe kumzi ogcina iinkedama oya kuchongwa ngabazali bakhe kwenye yeelokishi zaseKapa.

Nindivisise mabandl’akowethu, andithi makungatyiswa mntu emva kwemingcwabo, koko ndithi xa sinokuya kuzimasa sisazi ukuba olo sapho lungcwabayo kumele lube nakho ukumelana neenzima zobomi emva komngcwabo, kumele sikholwe sixole koko basilungiselele kona singathelekisi mizi. Masamkele nokuba sinikwa iinkobe nekofu kuphela!