Banikwe uphumaphele kwisakhiwo esingenamkhitha

Banikwe uphumaphele ngabezomthetho oosomashishini abanamashishini okuthengisa ukutya, izixhobo zombane ezindala kwaneendawo zokuhlamba iimpahla kwisakhiwo iCurrie Court eQuigney eMonti.

Oku kudizwe ngumasipala ombaxa iBuffalo City Metro (BCM).

Esi sakhiwo satsha kwiminyaka emibini edlulileyo kwaye ibisele iyindawo ehlala abo bazibandakanya kulwaphulomthetho.

Isithethi saseBCM uSamkelo Ngwenya uthi aba banikwe usuku lwangoMvulo kule veki umhla weshumi ekubeni babe sele bemkile kwesi sakhiwo.

“Esi sakhiwo ayingombono nje ongemhlanga nanjengoko sikwindlela exakeke kakhulu esandula ukwakhiwa eya elwandle. Kwaye esi sakhiwo sikwayiyo nengozi eluntwini nanjengoko aba somashishini bebeqhubekeka nokusisebenzisa ngoku sikwimeko embi,” utshilo uNgwenya.

Abanikazi besi sakhiwo baza kuqalisa amalungiselelo okwakha ngokutsha esi sakhiwo ibe yindawo ebukekayo njengoko sisemehlweni wabantu.

Ingxelo ithi ekupheleni kuka2021, uJaji Murray Lowe wanikeza aba banikazi besi sakhiwo iintsuku eziyi180 ekubeni esi sakhiwo silungiswe ngokutsha okanye sichithwe.

“Siyayiqonda ukuba uluntu lungxamele ukuba isombululeke kwangethuba le ngxaki, uluntu maluqonde ukuba silandela umthetho kwaye uthatha ixesha lawo njengoko ulandela imiqathango.”

Ngethuba iintatheli zeli phephandaba zityelele ngakwesi sakhiwo, oosomashishini bebeqokelela iimpahla zabo ezingaphandle kuba iminyango ibisele itshixwe ngamaqhaga. Bona abahlali bebevuya ngokuva ezi ndaba zokuqalelwa kwale ndawo besithi bebengakhuselekanga kuba besele kusenzelwa ulwaphulomthetho kwesi sakhiwo.