Banoloyiko ngenxa yesilo esifunxa igazi

ABAHLALI belali yakwaDebese eNgcizele kuCentane baphila phantsi koloyiko bengayazi nokuba asinakuphinda sibuye kwakhona kusini na isilo esikhe sagqugqisa kule lali sihlasela abantu kwanezinja.

Iingxelo zithi esi silo, ekukrokrelwa ukuba yingqawa (desert lynx), xa sithe sagagana nenja siye siyihlasele ngokuthi siyivale umlomo emva koko sandule ukuyinqola ze sifunxe igazi, sisakugqiba siyitye.

Esi silo sibomvu ngombala, maxa wambi iindlebe siyazimisa okanye siziyeke zilale.

Umhlali wakwaDebese uNceba Magqasi (52) okhe wahlaselwa sesi silo uthi usabulela amawabo nanamhla oku ngokusinda ngethuba sasizenzela kuye ilanga lihlabe umhlaba.

“Ukuhlaselwa kwam sesi silo kwakumalunga nentsimbi yesine ngethuba ndandihlamba iimpahla zam ngakwitephu yamanzi ekufuphi nomfula walapha elalini. Ndathi ndisajongile ndabona kukho inkuku ibaleka-bubhabha kubonakala ukuba ileqwa sesi silo.

“Ndathi ndakuthi krwaqu ndathi ntla ngento engathi yinja ende futhi inomsila ongaqhelekanga omde. Ndaqonga ukuba mandithathe kwanto iphambi kwam. Ndafumana intsinjana yekiliva eyophukileyo, ndaleqa esi silo – ndasigibisela,” utsho uMagqasi.

Uthi wathi emva kokuba esigibisele, sadungudelisa nje emva koko seza kuye ngqo sithule sithe cwaka. “Saziphosa kum embandeni satsazisa igazi ngoko nangoko. Ndavele ndatyibilika sabe isilo sisonda ngam, sandiluma esandleni ndibona ukuba eyona ndawo siyifunayo ngumqala lo wam.

“Ndabona ukuba mandihlabe umkhosi ndikhwaze abantu belali kuba ndandibona ukuba ukufa kufikile,” utshilo uMagqasi.

Emva kokufika kwabahlali sahamba esi silo sithe chu, senyusa umfula sathi sakudibana nenja ethile sayinqola emva koko sayifunxa igazi yabe kanti iyafa kanjalo. “Kwangalomini, esi silo sangena kumzi othile safika kukho inja sayosela kanobom yayokufa emva kweentsuku ezintathu.

“Komnye umzi esi silo safika kukho inja ekhulekiweyo sayitya sashiya amathambo,” utsho uMagqasi.

UMagqasi uthi kwanyanzeleka ukuba abalekiswe ekliniki, apho wanyangwa khona kwafumaniseka ukuba uneempawu zokushokoxeka kwegazi. Abahlali bale lali bathi bebekhe baziva iimpawu zesi silo kweziveki zimbalwa zidlulileyo noxa nje singakhange side sibekanti sihlasela mntu okanye izilwanyana.