Abafundi bamabanga aphezulu kwizikolo ezilishumi elinesithathu kuCentane, bathi ukuzibandakanya nomsitho wokubaxelela ngamakhondo abanokuwalandela eyunivesithi kubenze bakhuthazeka.
Oku bakudize ngethuba abafundi abaphuma kwizikolo ezilishumi elinesithathu zakuCentane bebengungelene kwiholo yala dolophu behlohlwa ngolwazi malunga namakhondo abanokuthi bawalandele xa bephumelele ibanga leshumi.
Lo msitho ubuququzelelwe yinzalelwane yakuCentane uZusiphe Mtirara ofunda iindaba kuMhlobo Wenene FM.
Umfundi wesikolo iSolomzi, esinye sezikolo eziqhuba kakuhle kuCentane, uOlwethu Siziba (19) uthe: “ Nditsho ndavuleka, ndiyayazi ukuba nam ndingaya eyunivesithi ndiyokwenza izifundo zomthetho. Sincedakele kakhulu ngoku ndazi okuninzi.”
UAthenkosi Makaluza (19) uthe: “Indincede ekukwazini indawo endizokuthi ndifunde kuyo xa ndisenza izifundo zobunjineli. Kwaye ndincedakele nangohlobo endinokuthi ndifake ngalo izicelo zam kwiiyunivesithi. Ndifunde lukhulu kwaye ndithemba nokuba nabanye abantwana abalapha bancedakele.”
Umfundi waseQombolo uYonela Mpangele (19) naye uthi ufunde okuninzi kwaye ngoku into ilele kubo kuba inyanga yeSilimela ifikile.
UMtirara oyinzalelwane yaseMnyameni kuCentane uthi akukhange kubelula ukuququzelela lo msitho, kodwa uthi kuba ebefuna abafundi bendawo yakhe bafumane ulwazi bafane naye kuba esithi uyayazi intsokolo yokufunda ezilalini.
“Ndizalelwe ndakhulela kuCentane, imicelimngeni yayo ndiyayazi, ukunqongophala kwezixhobo ezikolweni, ithuba lokufumana i-intanethi ukuze ukwazi ukufumana ulwazi kunzima.
“Ndibone kubalulekile ukuba ndiqale apha ekhaya ngokuthi ndenze utshintsho kubomi babafundi bakuCentane. Enye yezinto kukuba ndacinga usuku lwam lokuqala eWSU kuba sasibaninzi kungekho namnye umntu ondikhathaleleyo, ndazifunela ulwazi,” utshilo uMtirara.
IKumkani yamaXhosa uZwelonke Sigcawu ulithakazelele eli phulo, esithi imfundo ibalulekile kwaye uCentane yenye yeendawo enokuthi ikhulise uqoqosho kuba inolwandle.
Utsho ekhuthaza abafundi ngemfundo ekwathi mabavuke bazenzele. UMtirara ubulele inkxaso koosomashishini baseGcuwa kwakunye nabakuCentane, ekwabulela nezihlobo.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party