Banqwanqwada uNdabeni-Abrahams ‘ngevatshula nonanazela’

Communications Minister Stella Ndabeni-Abrahams addresses the 2nd Annual SMMEs in ICT Summit and EXPO in Sandton. South Africa. 02/04/2019. Siyabulela Duda/GCIS

IINKOKHELI zamaqela ezopolitiko zibonakale zinqwala kwisigqibo sikaMongameli Cyril Ramaphosa sokunqumamisa uMphathiswa wezoNxibelelwano kwanoBuchwephese bezobuXhakaxhaka, uStella Ndabeni-Abrahams, emva komfanekiso ofakwe kuInstagram ngowayesakuba lilungu lePalamente, uMduduzi Manana, ebonakalisa besitya isidlo nalo kaNdabeni-Abrahams.

Oku kwenzeke nangona nje uMongameli Cyril Ramaphosa eyalele wonke umntu ukuba ahlale endlini ukunqanda ukunwena kwentsholongwane yeKhorona. Kusasa ngoLwesithathu, uRamaphosa umnqumamisile uNdabeni-Abrahams esithi wophule imithetho karhulumente yokuba abantu bahlale ezindlini.

NgeCawe uNdabeni-Abrahams ebetyelele uManana, wafota lo kaManana wafaka umfanekiso kuInstagram besitya isidlo sasemini.
URamaphosa umnqumamise iinyanga ezimbini uNdabeni-Abrahams, esithi enye kulo nyanga ayizukuhlawulwa. UMongameli ukwathe umthetho mawudlale indima yawo kulo kaNdabeni-Abrahams, ekwathi makacele uxolo esidlangalaleni – into asele eyenzile lo Mphathiswa.

URamaphosa uthi amalungu eKhabhinethi kufuneka abengumzekelo. “Akekho namnye ofanele ukujongela phantsi iinzame zokusindisa abantu boMzantsi Afrika (kule ntsholongwane),” utshilo uRamaphosa.

UNdabeni-Abrahams uthi ucela uxolo ngesenzo sakhe, esithi uyazisola. “Ndiyathemba ukuba uMongameli nabemmi baseMzantsi Afrika baya kundixolela ngeentliziyo zabo,” utshilo uNdabeni-Abrahams esithi uza kuyithobela imithetho yokunqunyanyiswa kwakhe.

Iinkokheli zopolitiko zibhale kumaqonga onxibelelwano, ngelibonakalisa ukuhambisana nesigqibo sikaRamaphosa.

Unobhala weANC eMpuma Koloni uLulama Ngcukayitobi, ekungazini nokuba ebeqhula kusini na, ubhale kuFacebook wakhe ekhumbuza lo kaNdabeni-Abrahams ngesehlo saKwaBhaca nyakenye sokuzama ukunqanda iintatheli ekubeni zingathathi imifanekiso yabantu ababeqhankqalaza ngethuba lendibano yeANC.

“Uqale ngokrwitsha intatheli kwaBhaca kwakho isankxwe, samyeka. Wayokuvuka ngapha phakathi kweSwitzerland neGeneva – akazazi noba uphi eyawahambe ivatshula. Ngoku nako ehamba erhafuza kule mizi. Yidinara ebitheni leyo,” kubhale uNgcukayitobi.

Inkokheli yeUDM uNjengele Bantu Holomisa yena uthe: “Lawuleka sisi. Hlala ekhaya. Niyeke unanazela aph’esithubeni.”

Yona iEFF, kwimbalelwano, imemelele ukugxothwa kukaNdabeni-Abrahams, isithi oko kuza kubuyisela intembeko kwiKhabhinethi kaRamaphosa. AbeEFF bakwavule ityala ngakuNdabeni-Abrahams noManana, lokophula imiqathango yokuhlala ezindlini. Ityala livulwe kwisikhululo samapolisa aseDouglasdale eSandton. 

Ukanti nayo iDA imemelele ukuba avulelwe ityala lo kaNdabeni-Abrahams, isithi isigqibo esithathwe nguMongameli asifani nje nokuba kubekanti akwenziwanga nto.