Banqwenela isibhadlalala somthandazo eGwadana

Abahlali baseGwadana eDutywa bathi abawuchasanga umthandazo omkhulu onokuhlambulula iingxaki abajongene nazo, eziquka imimoya emdaka, kula lali inendumasi yokuba nehlathi “lamagqwirha”.

Oku bakuthethe emva kokutyelelwa nguMprofeti uMusa Joshua Mohlala ebetyelele le lali eyokuthandaza kweli hlathi. UMprofet’ uMohlala ufikile ngenene kweli hlathi wangena ephethe ngeplastiki amaphetshana ezicelo zabantu, abafuna ukuba ziphelele phaya “izinto ezibabophe ebomini”.

Ngenene lo Mprofeti ufike wawatshisa la maphepha, esenza umfuziselo wokuba izinto ezibabophe ebomini zizakutshabalala.

Emva kokwenza lo msebenzi, lo Mprofeti wafaka umthandazo omfutshane ebeka izandla abahlali bale lali.

“Wasixelela ukuba akazukuhlala, ze wathi ukuba siyafuna azokwenza umthandazo omkhulu kule lali singambiza. Asinangxaki yalo nto, kuba izindlu sinazo elalini futhi nentente singayizama,” utshilo uNokonwaba Mlonyeni, ongumhlali kule lali.

Utat’ uSizwe Bhede, wakwakule lali, naye uthi abawuchasanga umthandazo.

UBhede uzalelwe wakhulela ngakwihlathi laseGwadana eDutywa. Uthi bakhula beloyika eli hlathi, kangangokuba babethatha izinja xa befuna ukuya okanye ukusondela kulo, ze zithi zakujoj’ undonakele izinja bajike bangabi sangena.

“Iimpawu zemimoya emdaka zona zikhona kweli hlathi kuba nenkungu iqala kweli hlathi,” utshilo uBhede.

UMohlala uxelele I’solezwe ukuba unomdla wokuphindela eGwadana enze umthandazo nabahlali bale ndawo, abathandazele kwiingxaki zabo.