Bantingela eJamani abadlali beqonga

Antingele kwelaseJamani amaqhawe omdlalo weqonga eli laseBhayi eyokuphakamisa ibhanile yaseBhayi ngemiboniso, beyokufundisa abemi bela lizwe imbali ngomdlalo weqonga.

UXabiso Zweni noNobesuthu Rayi baphaphe ngenqwelomoya kule mpelaveki siphuma kuyo bantingela apho phantsi kwesimemo seLandesbuhne Niedersachen Nord yela lizwe.

Esi sibini sithe siza kutshintshatshintsha amaqonga bayokuvalelisa nenyanga yeSilimela, befundisa ezikolweni ngobomi baseMzantsi Afrika phambi konyaka ka1994 nasemva koko phantsi kwesihloko somdlalo othi Changes kwinkqubo yezikolo zelo lizwe iSchuler Theatre.

UZweni ongumhlali kwilokishi yaseWalmer uthe wadibana nendoda enguFrank Furhrman ekwangutitshala wezemidlalo yeqonga eLandesbuhne Niedersachen ngonyaka ka2012 ngethuba yena noogxa bakhe kulo mdlalo bekucweyo kwisakhiwo seziko elibizwa ngokuba yiUbuntu Centre kwilokishi yaKwaZakhele kwalapha eBhayi.

“Loo ndoda yathabatheka sisakhono netalente yam kwezeqonga yaza yandimemela kwelakowayo ngonyaka ka2014.”

UCingiwe Skosana weziko iOpera House uthe ukuqhogana kukaZweni noFuhrman kwazala amaduna namathokazi kuba akuzanga kuphelele apho, kuba kwadala ukusondelelana phakathi kweLandesbuhne Niedersachen neOpera House, kwakheka ubuhlobo obungahlukaniyo phakathi kweLandesbuhne neSebe lezobuGcisa neNkcubeko leYunivesithi yaseBhayi (NMU).

OkaRayi osebenza njengomlingisi ozimeleyo nomvelisi wemidlalo kwiGrahamstown Arts Festival uthe lutyelelo lwakhe lokuqala olu kumazwe aphesheya kweelwandle.

Uthe yena wadibana nale ndedeba ngethuba wayengumlingisi kumdlalo owawuququzelelwe yile yunivesithi nalapho uFrank wayengomnye wababukeli.

Uthe wathabatheka yindlela awayedlala ngayo kwaza oko kwazala uChanges ongunozala wolu tyelelo, esithi bamdlale kumaqonga ngamaqonga eOpera House nakwiNational Arts Festival.