Banyembezana eMnquma kukubhubha kukaSfiso

Abaququzeleli bomnyhadala womngqungqo waseMnquma bashiyeke benyembezana kukubhubha kwemvumi yomculo wokholo uSfiso Ncwane nanjengoko le mvumi bekulindeleke ithabathe inxaxheba kwiMnquma Jazz Festival kule mpelaveki.

Umququzeleli weMnquma Jazz Festival uNkosifikile Gqomo uthi zibachaphazele iindaba zokubhubha kukaNcwane.

UGqomo uthi uNcwane yintandane kubantu baseMpuma Koloni.

“Into ebonisa ukuba ebethandwa luluntu leli phondo kunyaka ophelileyo ebekhona kulo mnyhadala njengokuba nakulo unyaka sithe sambiza. Eyona nto sizakuyenza ngolwa suku (umhla weshumi kule nyanga) kukunika imbeko uSfiso ngokuthi sidlale ezinye zeengoma zakhe,” utshilo uGqomo.

UGqomo ukwadlulise nomyalezo wovelwano kusapho, kubalandeli nakubahlobo bakaNcwane.

USifiso ushiya ngasemva abantwana bakhe abaselula kwakunye nenkosikazi yakhe uAyanda. Iindaba zokubhubha kwale mvumi zivakele ngoMvulo, ebhubhela kwisibhedlele esiseFourways eRhawutini.

Ingxelo zithi ubhubhele ezandleni zomfazi wakhe uAyanda emva kokuba izintso zakhe zisilele ekusebenzeni.