Baphalaze imbilini yabo kuMalema

Abahlali bommandla waseMnquma, eGcuwa bacele ungenelelo loMongameli we-EFF, uJulius Malema kwizinto abakholelwa ukuba azihambi kakuhle kurhulumente kunye nakuMasipala wabo.

Oku bakuthethe xeshikweni uMalema ebekwibala lelokishi yaseColoured eGcuwa ngoMgqibelo, apho ebeyomamela yonke imicelimngeni ejongene nabo.

Phakathi kwezinto ezithethwe ngabahlali, ukuxuthwa kweemali zenkam-nkam zabantu abadala ngamagosa karhulumente, umntu avele angarholi ngaphandle kwesizathu.

Ukunikwa kwabantu izindlu kwindawo yaseNew Rest kwilokishi entsha yaseGcuwa bengekho selungelweni lokuxhamla.

Indawo yaseZizamele ineminyaka engamashumi amabini anesihlanu, kodwa ayikabinazo izindlu zangasese kunanamhlanje, umntu kufuneka azombele umgxunya enze indlu yangasese yethutyana, nangona urhulumente wayethembisile ngokuzakha.

“Ndize kuwe Malema ukuba usincede singabantu abadala, imali yethu yenkam-nkam iyabiwa, sivele singarholi ngaphandle kwesizathu,” utshilo uNomthandazo Mkhupha ongumhlali.

USimilo Tatase ucele inkokheli yabo uMalema ukuba aqwalasele imeko yokunikwa kwabantu abathile izindlu eNew Rest ndaweni yokuba zinikwe abanikazi bazo.

Abahlali bakwathi, iinkokheli zombutho kufuneka zixhobise amalungu ombutho ukuba i-EFF ayondawo yokulwa ngezihlalo, kwaye bazinike uxanduva lokuba zithengise umbutho ebantwini ingakumbi eGcuwa.

Ephawula emva kwezikhalazo zabahlali uMalema, uthe bazakuzilandelela zonke izikhalazo zabahlali, kwaye bazakuqinisekisa ukuba ziyafezekiswa.

“Kwizinto enizithethileyo sakuzilandelela, kwaye zeningothuki xa sithetha ngamagama enu epalamente, kuba zonke izikhalazo zenu sakuziphakamisa khona,” utshilo.