Baphange ivenkile behamba nenkosikazi

Amapolisa aseQonce abambe amadoda amathathu kwakunye nowasetyhini nabaphakathi kwamashumi amabini ukuya kumashumi amane anesithoba ubudala emva kokuba bethe baqhekeza ishishini elikwisitalato iOxford eMonti ngoMvulo.

Othethela amapolisa eQonce uKapteni Siphokazi Mawisa uthi, aba barhanelwa bebesuka eBhayi kwaye imoto abaphange ngayo bebeyixhwile eNew Brighton.

Emva kokuphanga ivenkile eOxford ngoMvulo, aba barhanelwa bayibethe yancinci loo Polo Vivo besingise eQonce.

Kwindlela iAlexander, amapolisa aye ayibhaqa le moto ayimisa ze ngaphakathi afumana imipu emibini, iimbumbulu kwakunye neefowuni ezine.

Bonke aba baye babekwa ityala lokuba nemipu kwakunye nemoto ebiweyo, kulindelke ukuba bavele kwiindkundla zamatyala eQonce.

Inkumanda yamapolisa aseQonce uColonel Andile Lamani uwuncomile umsebenzi owenziwe ngoogxa bakhe ngokukhawulezisa kubanjwe abaphuli mthetho.