Baphelele ukhona uVusi Nova kwiBuyel’Ekhaya

Vusi nova

Emva kwesikhalo sabantu ngokungoneliseki malunga noluhlu lweemvumi eziza kube zonwabise kumnyhadala oloba abantu iBuyel’Ekhaya Pan African Music Festival, kuye kongezwa intandane yoluntu uVusi Nova wengoma ethi Asiphelelanga.

Le ngxikela, edontsa abadala nabancinci, iza kubanjwa ngomhla weshumi elinesithandathu kweyoMnga, eBuffalo Park Cricket Stadium eMonti.

Lo mnyhadala uza kuqala uhlakulelwe ngumboniso weempahla zefashoni ukusukela ngowe12 ukuya kowe14 eHemingways nalapho kulindeleke oosaziwayo abathunga iimpahla zefashoni abafana noGert-Johan Coetzee, Sonwabile Ndamase, Linda Sithole kwakunye noChimanye Nyasha waseZimbabwe.

Lowo unomdla woyokungenela kukhuphiswano lokubonisa ngempahla azithungayo zakhe eHemingways, angafaka isicelo sakhe ngokubhalela kule imeyili info@buyelekhaya.co.za.

Iimvumi eziza kube zisonwabisa ngomhla womnyhadala nguVusi Nova, Ladysmith Black Mambazo, Jonas Gwangwa, Zahara, Dumza Maswana, Busiswa, Shekhinah, Sun-EL Musician, Moonchild Sanelly, Prince Kaybee kwakunye noMobi Dixon. Amanxila engoma aza kube ebhexeshelwa lo msitho nguMoshe Ndiki waseMonti, oliqhula, nokwaziwa kumdlalo kamabonakude iThe Queen.

Omnye othandwa kakhulu nobelindelekile kumnyhadala nguSjava. Uxelele abaququzeleli ukuba akasaphumeleli kwiBuyel’Ekhaya njengoko sele exakeke kumanye amaphondo ngezi ntsuku. IBuyel’Ekhaya ikwabhiyozela ukugqiba iminyaka elishumi kususela oko yaqala ngo2009.

UMsunguli kwanomvelisi weBuyel’Ekhaya, uNomahlubi Mazwai, uthi kulo nyaka uluntu luzokonwaba nangakumbi kuba kuninzi okongeziweyo nanjengoko bevulele amathuba nakwiimvumi zasekuhlaleni ngeenjongo zokuziqaqambisa nazo kumculo wazo.

IBuyel’Ekhaya ikhula ngokukhula njengoko yaqala izinyaswa ngabantu abayi4 000, kodwa ngoku sele ifikelele kwi22 000.

Amatikiti ayafumaneka kwaShoprite, Checkers kwakunye naseComputicket kulo lonke eli, kwaye afumaneka ngeR250 kuphela.