Baphethe ingxowa yentsini eMakhanda!

Iqhula elaziwayo uKhanyisa Bunu uza kuba yinxalenye yamaqhula aza konwabisa kwiNAF

NGAPHANDLE kwemiboniso, imidlalo yeqonga, imixhentso nemidlalo entlobontlobo, ngubani ongaziphosanisa neqonga lamaqhula kuMnyhadala walo nyaka wezobuGcisa eMakhanda.

Sisihlandlo sesixhenxe kulo nyaka iThe Very Big Comedy ibuyela kwiSixeko seeNgcwele.

Ngumkrozo woomakad’ enetha wamaqhula anencasa engafaniyo aza kutshintshiselana ngeqonga, eqinisekisa ukuba aza kushiya ubani ecela impinda.

Ngaphandle kweqhula eliphumelele iimbasa elaziwa ngokuphum’ izandla ngokuhlekisa uRob van Vuuren, kulo nyaka kukho uKhanyisa Bunu owawisa indlu phantsi kunyaka ka2018 – ekuphela kwenina elikhoyo kolu luhlu.

ULoyiso Madinga noyindumasi kwihlabathi jikelele sithetha nje; uTsitsi Chiumya namabali akhe akhwankqisayo; owachongelwa kwiiEmmy uTats Nkonzo; uTshireletso ‘Mo’ Mothebe oza kushiya ufile yintsini; inzalelwane yaseThekwini uRobby Collins kwakunye noEric Jansen – ozingomb’ isifuba ngokuba liqhula ekuphela kwalo eliphuma eReiger Park ukwenza iStand-up ngokunjalo noMojak Lehoko.

UVan Vuuren uza kube ebhiyozela iminyaka eyi25 etshila kwiqonga lalo mnyhadala.

“Uza nemiboniso emininzi kulo mnyhadala, ingenguwo umboniso wokuqhula nje kuphela – zonke ezi zinto zimnandi kufuneka ubani ezibonile,” kutsho abaququzeleli balo mnyhadala.

“Kulo nyaka kukho nemidlalo eguqulelwe kulwimi lwesiXhosa efana noGruffalo kunye noFlorence noWatson kunye nempuku yomoba.

Lo mnyhadala uqala ngomhla we27 kweyeSilimela de ibe ngowe-7 kweyeKhala 2019.

Ukuze ubone inkqubo nemiboniso yalo nyaka, ungatyelela kwa: www.nationalartsfestival.co.za