Baphila neenyoka ezindlwini eBhayi

Baphila neenyoka ezindlwini zabo abahlali baseSilvertown kwaWadi 24 kwaZakhele eBhayi, batyhola umasipala waseNelson Mandela Bay ngokungabakhathaleli.

UZoleka Mantla (43) uthi uneminyaka engaphezu kwamashumi amathathu ehlala kule ndawo engqongwe ziinyoka ezingena ngenkani ezindlwini zabo yonke imihla.

“Sihlala kufutshane namangcwaba, madala kakhulu nala matyotyombe sihlala kuwo, ingca ibande kakhulu, amacangci abolile, singenelwa ziinyoka yonke imihla siphila,” kutsho uMantla.

Uthi ikhaya ngalinye apha lihlala neenyoka ezimbini nangaphezulu.

“Zingena zingabonwa ngenxa yokubola kwamatyotyombe, ezinye zingena sizibona zibaleke zizimele singakwazi kuzibona kwalapha ezindlwini, enye apha kwam yabonwa yabulawa logama enye iselapha ngaphakathi asiyiboni,” uthethe watsho uMantla.

Le ngxelo ithi kumanye amakhaya zingaphezu kwesithathu iinyoka ezihlala ezindlwini zabo.

“Kudala sithetha noceba ngale ngxaki, sicela nje okokuba kutshizwe ngento enokwenza ukuba zibaleke ezi nyoka, zingasondeli ezindlwini,” uthethe watsho uMantla.

UNomawethu Ngoqoza uhlala neenyoka naye endlwini yakhe ngenxa yale meko.

“Xa uvula idrowa yekhabhathi ubona ngayo isiwa okanye iphuma ezinye zizimela apha phakathi kweempahla zokunxiba, siphila kabuhlungu apha sicela uncedo,” utshilo uNgoqoza.

Aba bahlali bathi ukucocwa kwamatyholo akufutshane nezindlu zabo kunganceda ukuphungula ingozi abaphila phantsi kwayo.

“Sicela kucocwe apha kuba asifuni kuhamba kule ndawo, makususwe yonke le mfungumfungu isingqongileyo sikwazi ukuzibona ezi nyoka,” utsho uNgoqoza.

Ukanti uceba wakwaWadi 24, uKholekile Bhoqwana uyayazi le ngxaki yaseSilvertown.

“Sikuthethwano nomasipala ngokukodwa isetyana elijongene nendalo ukuba likhangele ezi nyoka, kukhangelwe ukuba ziluhlobo luni lweenyoka, kodwa ekugqibeleni kufuneka besukile aba bantu apha,” utshilo uBhoqwana.

Lo kaBhoqwana uthi aba bahlali abavumi kusuka kule ndawo nangona ingeyo ndawo elungiselelwe ukuhlala abantu.

“Yindawo yokulahla inkunkuma le ngokwesicwangciso sikamasipala,” utshilo uBhoqwana.

Nangona bephila ngokoyika aba bahlali, akukho mntu ukhe watyiwa yinyoka kule ndawo ngaphambili.

“Soyikisela abantwana, kuba nokuba uhamba esitratweni nokuba usendlwini kulula nje ukubona inyoka, ziluhlaza ngombala ezi nyoka sizibona apha, ulwazana lwethu luthi zinobungozi eziluhlaza,”

Othethe egameni lomasipala waseNelson Mandela Bay, uMthubanzi Mniki, uthi zindaba ezintsha ezi kubo bengumasipala waseBhayi.

“Siye sisebenzisane namagosa ajongene nezendalo, sikhangele ukuba kungenziwa ntoni emva kokuba bona besabele kuceba wala ndawo, ndiyaqala ukuva ngale ingxaki yaseSilvertown,”utshilo uMniki.