Baphila ngoonontsizana abasasazi baseForte FM!

ABASASAZI beziko lesikhululo sasekuhlaleni iForte FM ezinze kwiYunivesithi yaseFort Hare eDikeni, bathi kunyanzeleka ukuba babethe iiR10 kubo epokothweni bathenge iAirtime xa befuna ukwenza udliwanondlebe emoyeni okanye kushicilelo.

Oku kulathwe kwimbalelwano yezikhalazo equlunqwe ngaba basasazi besi sikhululo, bebalula impathombi nekhokelele ekungahoyweni kwesikhululo kuquka nokusilela ekuhlawulweni kwabasasazi.

Abasasazi besi sikhululo bathi bagqibele ukufumana intlawulo yabo kwiveki yokuqala kwinyanga yoMnga, iyintlawulo yenyanga yeNkanga. Intlawulo yenyanga yoMnga bathi abakayifumani.

Abasasazi abancokolele I’solezwe lesiXhosa babanga ngelithi akukho fowuni kwesi sikhululo kuba akuhlawulwa zintlawulo zefowuni. Bathi kunzima nokuya kuqokelela iindaba. “Siye sibethe kuthi iiR10 xa sifuna ukwenza udliwanondlebe,” utshilo omnye umsasazi.

Yonke ingxaki bayikhomba kwilungu lePalamente leBhunga leSizwe lamaPhondo (NCOP), uMlindi Nhanha, ababanga ngelithi ubenguSihlalo weBhodi yaseForte FM ukusukela ngo2008.

“Isikhululo sethu sisecicini lokuvala ngenxa yakhe (Nhanha). Xa sizama ukumfowunela, akayibambi iminxeba yethu, akasihoyi nakuWhatsApp,” kutsho omnye umsasazi.

Aba basasazi babanga ngelithi uNhanha akaphethanga kakuhle iimali zesi sitishi esebenzisana noVuyelwa Mdazana, obesakuba ngumasitishi eForte FM.

Kodwa uMdazana waziphendulela kwibali leli phephandaba nyakenye esithi: “Ayikho lo nto! Mna ndiye ndincedise apho kudingeka khona, kaloku iForte FM yiprojekthi yam ngoko ndiye ndincedise, oyena mntu onokunika iimpendulo ezichanekileyo mayela noku nguSihlalo weBhodi uMlindi Nhanha.”

Ngenyanga yoMqungu kunyaka ophelileyo, I’solezwe lesiXhosa lalibike ngebali lesi sikhululo apho abasasazi babewushiye wodwa umboko bekhalazela ukungafumani ntlawulo.

UNhanha ebecele ukuthunyelelwa imibuzo nge-imeyili kodwa ebengekaphenduli ngethuba sipapasha eli nqaku izolo.