Baphose ityuwa enxebeni abemi bangaphandle

KUDLA ngokuthiwa “Inxeba lendoda alihlekwa,” kodwa emva kweentetho ezinobuhlanga eziphoswe ngabamhlophe kubemi bomzi ontsundu kweli, abemi bamanye amazwe kweli lizwekazi le-Afrika bangene kwikhasi lonxibelelwano leFacebook weBBC Africa nalapho baphose ityuwa enxebeni.

Le ngxwaba-ngxwaba iza emva kweentetho zikaPenny Sparrow, obize abantu abamnyama baseMzantsi Afrika njengeenkawu. La mazwi kaSparrow avuse umnyele kubantu beli abamnyama, kodwa abantu abamnyama bezwekazi lase-Afrika baye bavakalisa ezinye izimvo.

UMusoke Rogers okwilizwe lase-Uganda uthe, “Kuyandikhalisa qho xa ndicinga ngendlela abemi boMzantsi Afrika ebebexhela ngayo kwa abantsundu abaphuma kwamanye amazwe ase-Afrika, kodwa sasibaxhasa besilwela inkululeko.”

Ongummi waseZambiya, uChama Chomba uthe, abantsundu balapha balibetha ngoyaba olona tshaba, baleqe abemi bangaphandle. “Abantsundu boMzantsi Afrika bayalwazi utshaba, kodwa baxelele ukukhuphela umsindo kwabantsundu abaphuma kwamanye amazwe, ngamagwala awohlulwe kukuthathela kubo ilizwe,” utshilo uChomba.

UJoseph UChechukwu ophuma eNigeria uthe, makabe ngathi uyaqina uPenny Sparrow, Oka Uchechukwu uthe, “Andiyigxeki into ayibhekiswe kwabantsundu eMzantsi Afrika la mlungukazi.

Abantsundu eMzantsi Afrika zizilwanyana, zibhokhwe, ziinkomo, ziinkawu. Khumbula into abayenze kwabaphambukele kwela lizwe, babebulala kwamntu usuka kumazwe ase-Afrika abahlala kwela lizwe, bebatshisa kodwa ikwaligazi labo. Lo mfazi umhlophe makaqhubeke ebabizwa izilwanyana, ifana nabo lo nto, nditsho nala kumkani yamazulu, bonke zizilwanyana.”

UMohamedi ekungacaciyo ukuba uphuma kweliphi ilizwe uthe, “Ezo zilwanyana zoMzantsi Afrika zifuna ukufakwa ngeendawo zazo ngabamhlophe. Akukho nto bayifundayo ngokuxhatshazwa ekwakusenziwa kubo, bona baxhaphaza abemi base -Afrika abakwela lizwe kuba behluphekile.” Nabapheshesya kweelwandle bangenelele.

U-Ade Chris ongummi waseNigeria nozinze kwelaseNgilane uthe, “Balahlekwelwe yinkxaso naluvelwano lama- Afrika ngenxa yentiyo abanayo kwabo bebala elifana nabo. Izithuko abazifumanayo bazibizele ngokwabo.”