Baphuma izisu ngenxa yemozulu eguqukayo

Baphuma izisu ngenxa yemozulu eguqukayo. Umfanekiso: Getty Images

Iqela leengcali zophando kwiYunivesithi yaseKZN zithi zifumanise ukuba imeko yokuguqukuquka kwemozulu kweli ibangela ukuphuma kwezisu kumanina. Amaqondo obushushu abangelwa kukuguqukuquka kwemozulu abangela ukuba amanina abakhulelweyo azibone ebhujelwa ngabantwana phambi kwexesha.

UGqirha uYoshan Moodley oyingcali yophando kule Yunivesithi uthi olu phando lwenziwe kumasipala wesithili saseMkhanyakude.

“Olu phando lwenziwe kwisithuba seminyaka emihlanu ngelizama ukukhangela ukuba ngenene kukho ukuzalana na kwingxaki yokuphuma kwezisu nemozulu eguqukayo,” kutsho uGqirha Moodley.

Olu phando lwenziwe kunyaka ka2012 ukuya ku2016 ngeenjongo zokukhangela ukuba kukhona ukuzalana.

“Olu phando lwenziwa kumanina akumantla wephondo laseKZN ngokusebenzisa amava nobunkunkqela bolwazi lwamagosa ethu,” uhambisa atsho uMoodley.

Ukuphuma kwezisu kumanina weli yenye yeengxaki eqatshelwe ukuba iphazamisana neenzame zokukhula kwamanani wabantu boMzantsi Afrika.

“Iziphumo zophando lethu zibonisa ukuba amanina athe atsha lilanga elikumaqondo aphezulu ngethuba ekwiintsuku eziphantsi zokukhulelwa afumana iingxaki zokunyukelwa luxinzelelo lobushushu beqondo lobushushu obukhokelela kwiingxaki ezininzi, maxa wambi kude kubhubhe usana,” kutsho uMoodley.

Uthi amanina adibene namaqondo obushushu aphezulu phambi kokuba akhulelwe nawo asengxakini yokufumana ingxaki yokulahlekelwa sisisu.

“Ukutsha lilanga elikumaqondo agqithisileyo phambi kokuba bakhulelwe badibana neengxaki zokuphunyelwa zizisu,” uvale ngelo uMoodley.

Uthi kuqhutywa uphando olubanzi malunga nezinye iingxaki ezihambelana nemozulu eguqukayo kwihlabathi.

“Sicebisa ukuba amanina asafuna ukukhulelwa kufuneka ukuba abonane nooGqirha bawo kaninzi phambi kokuba akhulelwe, kwelinye icala kufuneka nawo adlale indima yawo ngokubaleka ilanga nobushushu phambi nangexesha ekhulelwe,” kutsho uMoodley.