Baphumele elubala ngebholo lesilalo

AMAKHOSIKAZI amathathu aphumele elubala ngebholo lesilalo kumasipala waseMnquma, ephalaza imbilini yawo malunga negosa eliphezulu kulo masipala elityholwa ngokuxhaphaza ngesondo abasetyhini phambi kokuba baqashwe.

Oku kuza emva kwenqaku lephephandaba I’solezwe kwiveki ephelileyo, apho intwazana engumsebenzi kulo masipala iqhaqhe ibholo isithi yalalwa ligosa eliphezulu kulo masipala phambi kokuba iqeshwe. Le ntwazana sele ilivulile ityala emapoliseni malunga nezizityholo kwaye amapolisa aqhuba nophando.

Inkosikazi yokuqala ukuphefumla malunga nalo mba, ithi isebenze iminyaka eliqela kulo masipala. Ithi eli gosa linye selikhe lamcela uthando.

“Mna waye wandigqula (ukuqhasa) efuna ukuba ndilale naye. Andizange ndimvume, futhi zange ndilale naye. Emva kokuba ndingavumanga, into endavele ndayibona kukonyuselwa kwabantu abafike kudala ndikulo msebenzi, ndabona ukuba mandivele ndihambe eMnquma,” itsho le ntwazana.

Eyesibini, ithi yadibana neligosa kuFacebook. “Emva koko wafuna inombolo yam yomnxeba, saqala ukuthetha kuWhatsApp. Xa ndibuza ngezithuba zengqesho, ndabona iimpawu zesincwaso. Andizange ndivume, yabe iphelela apho incoko yethu kuWhatsApp,” itsho le ntwazana.

Eyesithathu intwazana ithi yawuncama umsebenzi kumasipala waseMnquma ngenxa yokubaleka “isilalo” eMnquma. “Ndadibana neli gosa kwenye indawo eGcuwa, lathi mandifake i-CV yam kwamasipala lisithi liza kundiqasha. Ndandibona ukuba eyona nto iphambili kukufuna ukulala nam,” itshilo le ntwazana.

Umbutho iANC eMnquma uthi izityholo zokuxhatshazwa kwamanina phambi kokuba afumane izithuba zengqesho eMnquma kuwenza “ihlazo” lo masipala. Usihlalo weANC eMnquma uNdoda Mesani uthi “zinobuzaza” ezi zityholo zijoliswe kweli gosa liphezulu. “Thina sifuna wonke ubani okhe waxhatshazwa ngokwesondo eMnquma athethe. Lo masipala ukhokelwa yiANC, ngoko ke asithandi xa sibona izityholo ezimila bunje. Sifuna umthetho udlale indima yawo kule ndima,” utshilo uMesani.

Usihlalo weMnquma Hawkers Association uTito Gabhayi uthi ukungabikho zinzo eMnquma kuchaphazela ukusiwa kweenkonzo eluntwini.

“Thina besinganqwenela ukuba kubekho uzinzo eMnquma kuba ukungabikho zinzo kuyasichaphazela kakubi. Ngokomzekelo njengokuba sithengisa ezitalatweni nje, asingethandi ukuthengisa kwizitalato ezingcolileyo kodwa maxa wambi iyenzeka lo nto apha eGcuwa,” utshilo uGabhayi.

UNobhala weButterworth Hawkers Association uNonkanyiso Voyi uthe: “Thina asingethandi ukuphefumla ngezityholo zodlwengulo, kuba lowo ngumcimbi ofanelwe ukuqwalaselwa ngabomthetho. Into esingavisisani nayo, yile yokusetyenziswa kwemali kamasipala ezinkundleni ngenxa yemilo. Asivotelanga lo nto thina, sivotele iinkonzo kuphela,” utshilo uVoyi.

UMesani uthi iANC izakubamba indibano namhlanje (ngoLwesine) ichaze umhlahla-ndlela malunga neengxaki ezombethe uMnquma.