Baphumelele iMatriki kodwa nkqi iziqinisekiso

ISEBE lezeMfundo eMpuma Koloni lidize ukuba ngabafundi abakumakhulu amahlanu anamashumi amahlanu abasalinde iziqinisekiso zabo zeMatriki phakathi konyaka ka2015 ukuya ku2017.

Oku kulandela umbuzo obubuzwe lilungu leDA kwiPalamente yephondo eBhisho, uEdmund Van Vuuren, ewubhekisa kuMlungisi Mvoko obambele njengoMphathiswa wezeMfundo ephondweni.

UVan Vuuren ebebuza ngengxaki yomfundi wesikolo iVictoria High eBhayi, uTiana Munsami, owaphumelela uGrade 12 ngo2015 kodwa akakafumani siqinisekiso sakhe seMatriki.

Ukuphendula, uMvoko uthe: “ UTiana Munsami wafaka isicelo sokuba kuphinde kubalwe iimviwo zakhe kwaye bekusabalwa logama isicelo sesiqinisekiso sithunyelwe [kukhala] Umalusi ngomhla wokuqala kweyeDwarha 2018.”

Emva kwale mpendulo, uVan Vuuren ukwabuze ngelona nani labafundi ababhale iimviwo zeMatriki phakathi kuka2015 ukuya ku2017, kodwa bengekafumani ziqinisekiso zabo (izatifiketi).

“Ukusuka ngo2015 ukuya ku2017 abafundi abangekafumani ziqinisekiso bangama-550,” utshilo uMvoko.

UMvoko uthi oku kungenxa yeziphumo ezingekagqitywa ukubalwa, iinkcukacha ezingagqibekanga kwanezini ezingaqinisekiswanga.

UVan Vuuren: “Kwale nto yokuba ibe kanti ingxaki yaba bafundi ayikasonjululwa emva kweminyaka emithathu, yinto engamkelekanga futhi enefuthe elibi kubomi babafundi.”

“Aba bafundi baphumelele iMatriki kodwa abananto esandleni eqinisekisa oko. Le nto inefuthe kwiinzame zabo zokufuna imisebenzi okanye ukufaka izicelo zeebhasari. Noxa nje iluxanduva lukaMalusi ukukhupha iziqinisekiso zeMatriki, ikwaluxanduva lwesebe ukufaka iinkcukacha ezichanekileyo kukhala onguMalusi,” utshilo uVan Vuuren.