Ukusukela ngomhla wesihlanu kuDisemba, abaqhubi beenqwelomoya eziphantsi kweSouth African Airways (SAA) baqalise uqhankqalazo ekulindeleke ukuba luchaphazele abakhweli. Eli lelona xesha lixakeke kakhulu kwizikhululo zeenqwelomoya zelizwe loMzantsi Afrika.
Ingxelo ithi akwaziwa ukuba luza kuphela nini uqhankqalazo lwabasebenzi beenqwelomoya kweli, kungoku nje luchaphazela iTheku, iRhawuti, iKapa, iGqeberha, iMauritius neWindhoek.
Nangona kunjalo, abaqhubi beenqwelomoya zakwaStar Alliance bayasebenza ngaphandle kwengxaki. UEuan McNeil uthi ngenene baza kuchaneka abakweli beenqwelomoya zakwaSAA kwakunye nezo zisebenza phantsi kweSAA.
“Ngokuqinisekileyo abakhweli baza kuchaphazeleka lolu qhankqalazo, kodwa yonke into iphantsi kolawulo okwangoku,” kutsho uMcNeil. Uthi basebenza nzima bezama ukuqinisekisa ukuba akukho bakhweli bazibhaqa besengxakini ngenxa yolu qhankqalazo.
“Sisebenza nzima kwizikhululo zonke ezichaphazelekayo ukuzama ukunceda abakhweli ukuba bangasokoli ukufika kwiindawo abafuna ukuya kuzo, eli lixesha lokuhambelana kweentsapho,” utsho uMcNeil.
AbakwaSAA babongoza abakhweli babo ukuba baqinisekise ukuba banolwazi oluchanekileyo ngokuthetha neeofisi zabo okanye banxibelelane nee’arhente ebezibalungiselela ukuhamba.
Abakhweli abachaphazelekayo bakhangelelwa iindawo kwezinye iinqwelomoya ezifumanekayo okwangoku de imeko ibuyele esiqhelweni.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!