Baqeqeshwe ngemisebenzi yokwakha izindlu abakhubazekileyo

Umfanekiso oselugcinweni

Ibhunga  likazwelonke elijongene nomgangatho kulwakhiwo lwezindlu i-National Home Builders Registration Council (NHBRC) libambisene noMasipala waseMzimvubu  kutshanje lifundise abantu abakhubazekileyo abangamashumi amahlanu (50) izakhono zolwakhiwo lwezindlu bakwidolophu yaseMaxesibeni (Mt Ayliff).

 

Olu qeqesho, noluthathe iintsuku ezintathu phantsi kwenkqubo yezakhono zokwakha i-Home Building Technical Skills, beliquka imithetho kunye nemigaqo-nkqubo elawula lwakhiwo lwezindlu kwakunye neendlela zokwakha ezivumelekileyo.

 

Umphathi weNHBRC eMpuma Koloni uNombasa Ngoqo, uthi eli bhuga lifumanise ukuba bambalwa kakhulu abantu abakhubazekileyo abayinxalenye yoshishino yolwakhiwo lwezindlu.

 

“Sifumanise ukuba bambalwa kakhulu abantu abakhubazekileyo abathabatha inxaxheba kushishino lolwakhiwo lwezindlu, ngoko ke singuNHBRC sizama ukukutshintsha oku ngokuthi sibaxhobise ngezakhono ukuze bakwazi ukuzivulela inkampani zokwakha kwaye baxhamle  kumathuba emisebenzi ethi avele kwelicandelo,” kutsho uNgoqo.

 

UNgoqo  uthi  leHome Building Technical Skills Workshop izakulandelwa luqeqesho kwizakhono eziphunyeziweyo zokwakha.

 

“Ezinkqubo zoqeqesho zokwakha esizibonelela  kubantu abakhubazekileyo ziye zixhomekeke ekubeni umntu ukhubazeke njani. Umzekelo kuba ebasebenzisa isistulo (Wheelchair) siyanayo  i-Construction Management kunye ne- Project Management,” utshilo uNgoqo.

 

Usihlalo weMzimvubu Disability Forum uBulelani Ndamse ayamkele le nkqubo yoqeqesho kwizakhono zokwakha esithi izakuncedisana nabantu abakhubazekileyo ukuba bakwazi uziphilisa bangaxhomekeki kwisibonelelo sikarhulumente kuphela.

 

“ Siyalwamkela olu qeqesho luziswa nguNHBRC, kuba siyafuna ukuba yinxalenye yolu shishino lolwakhiwo qha sibethakala apha kwizakhono. Injongo yethu xa silugqibile olu qeqesho kukuzivulela amashishini okwakha nookopoletyeni ukuze sikwazi ukuxhamla kubathuba athi avuleleke kwimisibenzi karhulumente,” utshilo uNdamse.

 

KwaseMzimvubu njalo, iNHBRC  izakuqeqesha  abanye abantu abakhubazekileyo abangamashumi amahlanu kwidolophu yakwaBhaca (Mount Frere) kwinyanga ezayo.