Baqeqeshwe ukujongana neengxaki zoluntu ooceba eNgcobo

Intlanganiso yebunga likamasipala waseNgcobo, ngethuba kusungulwa igumbi likaxakeka. Umfanekiso: Malwande mantshule

Ibhunga lomasipala waseNgcobo liqhube uqeqesho kooceba balo masipala ngeenjongo zokuhlangabezana neemfuno zoluntu. Oku kuyinxalenye yephulo elikhokelwe yinkulumbuso yeMpuma Koloni uPhumulo Masualle elibizwa ngokuba yiMasiphathisane.

Phantsi kukaMasiphathisane kusekwe iqonga elibizwa ngokuba ligumbi kaxakeka (War Room) ngenjongo yokukuhlangabezana neemfuno zoluntu kwiindawo abahlala kuzo. 

Lendlu kaxakeka igxile kwiingxaki zabantu abadala, abakhubazekileyo, ulutsha, abagulayo nabadinga uncedo kumasebe karhulumente ohlukeneyo.

Umasipala waseNgcobo ububambisene namaqumrhu, kwakunye namasebe karhulumente.

Ooceba kulindeleke ukuba bafundise abantu kwiiWadi abaphuma kuzo ngabakufundileyo, nangendlela abazakusebenzisana ngayo noluntu.

Ojongene ne-ofisi elwa
ukwanda kwesifo sikagawulayo kulo masipala uNobuhle Maninjwa uthi bafuna ukuqinisekisa
ukuba lamagumbi kaxakeka ayasetyenziswa. 

”Nanjengoko igumbi likaxakeka lidibanisa uluntu ekuhlaleni sibone kubalulekile ukuba ooceba njengabantu abakufuphi ebahlalini bafundiswe
ngendlela yokuwasebenzisa, ukuqokelela iinkonzo zisiwe
ebantwini,” utsho uManinjwa.

Uqhube wathi
akufanelekanga ukuba abantu babizwe imihla ngemihla, beziselwe iinkonzo
ezohlukeneyo, yilonto iinkonzo bezibandakanya neMasiphathisane ukuze zisiwe ngaxeshanye
eluntwini. 

Sikhuthaza ooceba babaqokelele abantu babo kwiiWadi zabo bancedwe kuzo, abanye abantu abanamali yokuya rhoqo edolophini. Xa
sisebenza sisonke namasebe ziye kubo ngexesha elinye iinkonzo abazidingayo songa ixesha labo nemali. ” uvale ngelitshoyo.

Ooceba bakwafundiswe ngendlela yokukhawulelana neengxaki abangazibona bedibana nazo ekuhlaleni, bekwanikwa nethuba lokuveza iingxaki abasele bedibene nazo ukuza kuthi ga ngoku. 

 Igumbi likaxakeka lizakusebenzisa amavolontiya, nanoxanduva lokukhuthaza abantu ngokubaluleka
kokundwendwela amasebe karhulumente kwiinkonzo abazidingayo.