Baqeshwa ngokusesikweni abebefudula bengxungxe eUCT

IYUNIVESITHI yaseKapa igqibe kwelokuqesha iwaka labasebenzi ebebefudula besebenza kule yunivesithi phantsi kweenkampani zabucala.

Oku kulandela emva konyaka onesiqingatha, abafundi kule yunivesithi nakwezinye besilwela ukupheliswa kwenkqubo yokuqeshwa kwabasebenzi phantsi kweenkampani ezishishina ngabasebenzi.

Zibalelwa kumawaka asixhenxe iintsapho zabasebenzi kweli ziko lemfundo, abazakuxhamla kwizibonelelo zokuqeshwa ngokupheleleyo kwabazali bazo. UMariam Motlhanke osebenze eUCT iminyaka engamashumi amabini nongomnye wabo bazakuxhamla kweli nyathelo uthe ebengayicingi ukuba into enjalo ingenzeka.

Lo mama unamashumi amahlanu anesihlanu eminyaka ubudala nobesebenza kwikhitshi lale yunivesithi uthe, “Iyandonwabisa into yokuba ndingumsebenzi ngokupheleleyo kule yunivesithi, kwaye abantwana bam abathathu bazakuxhamla kwizibonelelo zemfundo ngenxa yoku.”

Ukwenze umbulelo kubafundi ngendima abathe bayidlala kwidabi elikhokelele kweli nyathelo. Kunyaka ophelileyo imanyano yabasebenzi kule yunivesithi iNEHAWU yangenelela kwidabi labafundi nelikhokelele kwinyathelo leUCT.

Kwingxelo edibeneyo nekhutshwe ngumququzeleli wale manyano eUCT uMzomhle, kwakunye neNgqonyela yeli ziko uMax Price ibike ukuba abasebenzi bazakunyuselwa imivuzo. “Abo bebesamkela imali ebalelwa kumawaka amathathu bazakufumana amawaka asixhenxe anamakhulu amahlanu,” ihambise yatsho le ngxelo. Ilungu kwintshukumo yabafundi i#RhodesMustFall eUCT uJameel Abdulla uthe, “Siyavuyisana nabasebenzi kwakunye neentsapho zabo ngezibonelelo abazakuzixhamla emva koku.”

Iinkampani ebenzifudula zishishina ngabasebenzi kweli ziko nezizakuphelelwa ekupheleni kwale nyanga ziquka uG4s, TurfWorks, Sibanye, Metro Cleaning Services, uSupercare kwakunye noC3 Food Services. Eli nyathelo kulindeleke ukuba lidle iUCT imali eyiR68 yezigidi ngenyanga.