Usuku obekumele ukuba kuchithwa iimpahla zomyeni wakhe owaswelekayo lwajika lwaba lusuku olunzima kuMolly Feju. Bekungomhla wamashumi amabini anesibhozo kwinyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo ngethuba uFeju efumana iindaba zokuba unyana wakhe uMfundo Feju (22) ubethwa kufutshane nendlu yabo eBuffalo Flats eMonti.
Uthe xa ekhumbula la mhla, “Ndabizwa ngumtshana wam esithi uMfundo uyabethwa. Ndithe xa ndivula isango ndabona umntwanam ethe tywa edangele kude kufuphi nendlu yam.” Uqhube wathi, “Barekhoda unyana wam ebethelwa ukufa. Bekukho ababukeli kwaye bebukele nje. Ndakhwaza ndisithi kufuneka umntu amse esibhedlele!”
UFeju uthi waya kwaba bafana benze le nto, wamangaliswa kukuba omnye wayengumhlobo wonyana wakhe owayehlala kwizindlu ezintathu ukusuka kwindlu yakhe. UFeju uthi ummelwane owazibonela ngawakhe lo mlo uthi unyana wakhe wayesilwa waze woyisa omnye waba bafana, lo woyisiweyo wayokubiza umhlobo wakhe. Unyana wakhe wabethwa ngebhotile entloko waza wakhatywa izihlandlo ezininzi.
UMfundo uye wasiwa esibhedlele nalapho wabhubha kwangolo suku ngenxa yokwenzakala kwakhe. Aba bafana babini babanjwa kwangaloo mini. Umama kaMfundo ukhumbula unyana wakhe njengomntu othethela phantsi kwaye onobubele. “Uncumo lwakhe lwalunokunyibilikisa nawuphi na umkhenkce. Ebebathanda ke abantwana kwaye ebendihlamba iinyawo nanini na xa ecinga ukuba ndidinga ukuvasa iinyawo. Ebengumkhathaleli wam, endikhumbuza nokuba ndithathe amayeza am eswekile,” umkhumbule esitsho.
Aba bafana bafumana ibheyile ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga yoMnga kunyaka ophelileyo. Oku kufumene ingqalelo eluntwini kwiphepha likaFacebook elenziwe ngumhlobo wosapho olunesihloko esithi “Justice for Mfundo Feju” elifumene abalandeli abangaphezu kwewaka elinamakhulu amathathu ukusukela oko lenziwa kwinyanga ephelileyo.
“Akakho umntu obefanelwe kukufa njengoko wenzayo uMfundo kwaye njengomzali ndibuhlungu kakhulu, into yokuba ingxabano inokugqibela ngokufa komnye.” Waqhubeka wathi: “Ndifuna nje ukuba ubulungisa benziwe. Ndiyathemba ukuba ubulungisa bukhona ngoba uMfundo soze akwazi ukuzithethelela. Ndiyathemba ukuba andizukuphulukana nokuthemba inkqubo yethu yobulungisa.”
Ityala limiselwe umhla weshumi elinesine kweyoMdumba kulo nyaka.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo