Barhanela ubunqolobi ngokuduka kwenqwelomoya

ABASEMAGUNYENI eJiphethe bathi ukuduka kwenqwelomoya i-Egyptair 804 kubangelwe zizinto ezimbini: ubunqolobi okanye iingxaki zenjini.

Iziphatha mandla zeli lizwe bezixakene nemvula yemibuzo esuka kwiintatheli ezifuna ukuqonda ngokuduka kwale nqwelomoya eduke kumzila osuka eParis eFrance isiya eCairo kwelaseJiphete.

Le nqwelomoya ibilayishe abantu abangamashumi amathandathu anesithandathu, nalapho ubuninzi babo ibingabemmi baseJiphete.

Iingcali eziphanda ngeengozi zeenqwelomoya zirhanela ukuba le nqwelomoya igaxeleke kulwandle iMediterranean kufuphi nedolophu i-Athens kwelamaGrike.

UMphathiswa wezophapho eJiphete uSherif Faithy uthe: “Uhlaselo lobunqolobi okanye iingxaki zenjini yenqwelomoya zezona zinto zisengqondweni yethu ngoku.”