Barholiswa iR500 ngenyanga ootitshala

Bakhalela ukungaphatheki kakuhle nangokungarholiswa kakuhle ngumphathi wabo ootitshala besikolo sabucala esikwilali yakwaPayne eMthatha, nesibizwa ukuba yiRiver Jordan Christian School.

Aba titshala bathi iyaphela inyanga idlule futhi bengakhange barholiswe, kube kungekho nelizwi eliphumayo lokuba kutheni bengakhange bahlawulwe.

IRiver Jordan Christian School sisikolo esingekho phantsi kukarhulumente kwaye siqale ngo2010. Siqala kuGradeR ukuya kuGrade7. Ootitshala abaqashiweyo kwesi sikolo balithoba bebonke. Ngokokukruquka, aba titshala badlulise le nyewe yesi sikolo kwisebe lezabasebenzi eMthatha.

“Emva kokuba kungenelele eli sebe umphathi wethu uye wasingxolisa kwaye esigrogrisa. Asibhatalelwa imali yokusebenzela ixesha eligqithileyo, asilifumani nexesha lokuphumla. Eyona nto iye isenze singaphatheki kakuhle mpela kukuba uye athi kuthi imali ayikho, kodwa sibone kufika izinto zesikolo abe ebethe imali ayikho,” kutsho omnye wabasebenzi.

Bathi kwisivumelwano sabo nomphathi yayikukuba bazakurhola imali engange R2,500 kodwa bayakwazi ukuba bafumane iR500 kuphela ngenyanga okanye ingabikho kwayona.

Xa I’solezwe libuza ukuba bona banyamezeleni ukuhlala le ntlalo, badize ukuba ngekudala bemka koko kukunqaba kwemisenzi.

Umnikazi wesikolo uMitchell Ashley, uxolisile esithi naye ubethwa yimeko kuba abazali babantwana baye bangabhatali kwangexesha nanjengoko bebhatala ngeziqingatha enyakeni.

Uthi wona umceli-mngeni ukhona kwaye uthi kunzima nokugxotha abantwana kuba abazali bengahlawulanga, kuba oko kuye kubachaphazele nasezifundweni, abantwana bashiyeke ngasemva. Kodwa angakhange ayivume yile yokuba ikhefu akabaniki ootitshala bakhe.