Basabhadla ejele ababulala umakoti waseNgqushwa!

 Limiselwe umhla wamashumi amabini
anesine yinkundla kamantyi yaseNgqushwa ityala
lamadoda amathathu atyholwa ngokubulala owasetyhini kwilali yaseMahlubini
ekuqaleni konyaka.

La madoda osapho olunye  atyholwa ngokuxhwila aze abulale uNoluthabo
Maliza (25) ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga yoMqungu kulo nyaka
kwidolophu yaseNgqushwa, ngethuba wayelindele umyeni wakhe ngaphandle
kwale nkundla. Umzimba womfi lo waye wafumaneka ulahliwe kude kufuphi nelali
yakuQamnyana ngosuku olulandelayo emva kokubhengezwa nje ngolahlekileyo
emapoliseni.

 Kudliwano-ndlebe nabeendaba, uMomelezi Maliza
oliqabane lowasetyhini,  wadiza ukuba
ngethuba ephuma kule nkundla wafika umfikazi kwakunye nesithuthi eso ewayemshiye
kuso benyamelele. 

UMaliza uvakalise nokuba bekusele kuziinyanga ezimbalwa yena
kwakunye nowakwakhe bathi baphuma kwikhaya labo ebebehlala kulo ngenxa
yokungavisisani nosapho.

UNomtola Vellem (45) ongunina womfikazi
yena uthe emva kwengxabano leyo waye wayalela intombi yakhe kwakunye nomyeni
ukuba bayokuhlala naye kwindawo yaseThembeni kwakwidolophu yaseNgqushwa. 

“Ngentsasa yosuku lokuxhwila kwakhe uNoluthabo waye wandichazela ngamadoda azama
ukumhlukumeza ngaphandle kwenkundla,” utshilo uVellem.

 Usapho lwalo wasetyhini
luvakalise ukungoneliseki nanjengoko besakholelwa ukuba kusekho
ababandakanyekayo abangekabanjwa.