Basafuna amatyotyombe, noxa befumene ii-RDP nje

BEKUBETHANA izimvo kubahlali base-Ilinge eNU3 eMdantsane ngethuba kulungiselelwa ukuthuthwa kweentsapho ebezihlala ematyotyombeni zisiya kufakwa kwizindlu ze-RDP.

Litshone elayizolo amalungu eentsapho ezingamashumi amane anesithandathu engabaninimzi kumsitho obuqhutywa ngusodolophu womasipala ombaxa iBuffalo City * -Alfred Mtsi. UKhunjulwa Bika ngomnye wabahlali obefudula ehlala etyotyombeni kwakunye nentombi yakhe uSixolise Bika, nomzukulwana.

Ubezele yimincili ngeethuba kufika amagosa akwa masipala ezokumncedisa ukulayisha impahla yakhe kwisithuthi esikhutshelwe lomsebenzi ngumasipala.

Oka Bika uthe, “Ndihleli kweli tyotyombe iminyaka engamashumi amabini anethoba. Besingonwabi xa kusina imvula, abantwana ndibafaka emakhwapheni, kusisa ndihleli.”

Uqhube wathi, “Ukususela ngoku imvula ndizakuyibona efestileni, andizukuba naxhala xa kubhudla umoya.” Kodwa abanye oogxa bakhe bebekhalazela inyathelo lika masipala lokuchitha amatyotyombe wabo bafumene izindlu. ULulamile Mzimeli ngomnye wabo bebengahambisani nokuchithwa kwamatyotyombe. UMzimeli uthe, “Izinto zokwakha ndazithengela, zange ndizithengelwe ngumasipala, andiyazi ukuba kutheni ngoku umasipala kufanele achithe ityotyombe lam alokulilahla.”

Oka Mzimeli uqhube wathi, “Besele ndizithengisele umntu ezizinto, ngaloo mali ndzakuzithengela itapeyi kwakunye namalaphu okugquma iifestile.”

Omnye wabahlali uNomakhaya Velem uthe akukho masipala uzakulahla izinto zokwakha. “Zininzi izindlu ze RDP ezibeleke amatyotyombe kufuneka baqale bayochitha wona kuqala ukuba bafuna nezi zethu zingabi nawo,” utshilo oka Velem. Uthe ityotyombe ebehlala kulo wazakhela ngemali yenkam-nkam kanina kwa uzakulanda isitshixo sakhe ngexesha lokungena endlwini yakhe.

Ukwagxeke ezizindlu ngelithi zincinci kuba ungumntu onosapho oluninzi. UCawe Dube uthe ukunikwa indlu kumncede kakhulu kuba owakhe umkhukhu ubusele utshile.

“Into endivisa ubuhlungu kukuba umama usweleke kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, bekuzakuba mnandi ukuhlala naye kulendlu,” uqhube watsho oka Dube.