Umbutho wabahlali iMakhondo Forum eVuwani eLimpopo ithi akukho zivumelwano zenziweyo okanye zigqityiweyo emva kweendibano ezabanjwayo ukusukela ngomhla wokuqala kwinyanga kaCanzibe ukuzokuthi ga ngoku.
Oku kulandela emva kweengxelo zokuba urhulumente ekunye neenkokeli zaseVuwani ziye zafikelela esigqibeni sokuba izikolo zala mmandla ezazivaliwe zizakuqala kwinyanga ezayo.
Abafundi sele iyinyanga yesithathu le bengasalibeki esikolweni ukusukela oko kwathi kwabanjwa uqhankqalazo ngabahlali betshisa izikolo ezingapha kwamashumi amabini anesihlanu.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party