Basantywizisa abagwintelwe intwazana ena-5!

Umfanekiso ka-Iyapha Yamile obeminyaka emihlanu, nobuleweyo kwilokishi yaseTown Two eKapa.

Kapa: Uthi ibinekamva eliqaqambileyo kwaye enenjongo zokuyifundisa iyokuma apho ifuna ukuya khona intombi yakhe utata wentwazana yase Town Two eKhayelitsha, efunyenwe iswelekile ngoMvulo emva kokuduka imini yangeCawe.

UDanile Ngongoshe noneminyaka engamashumi amane anesixhenxe, uthi “indlela ebekrele-krele ngayo umntwana wam ebebuya esikolweni ayibalise yonke into ebeyifundisiwe kwaye ibingumntwana ophaphamileyo kakhulu.

Kube buhlungu kwa ukuba silale engekho, singamazi ukuba uphi ngenxa yokuba zimbi izinto ezenziwa ebantwaneni.”

Oku kulandela ukufunyanwa komzimba wentombi yakhe ebiza kugqiba iminyaka emihlanu ubudala, u- Iyapha Yamile, kwingingqi yaseZone 14 eTown Two emva kokuduka kwakhe kwakula ngingqi.

Le ntwazana ibigqityelwe ukubonwa idlala noontanga bayo kude kufuphi nendlu kaninakazi, nalapho ibityelele khona kuba yona ihlala kwingingqi yoo-SSt kwaseTown Two.

Uyise wale ntwazana uthi umntwana ebetyelele uninakazi ngethuba lokwehla kwesi siganeko, bafumene ucingo olubachazela ukuba umntwana akabonakali kwaye abo ebedlala nabo bathi abamazi ukuba uyephi. Baqalise ukukhangela bejikeleza kula ngingqi, babhenela kwisikhululo sikanomathotholo wasekuhlaleni ukuze akhwazwe, namapolisa aphume ayakuncedisa ukukhangela. Uthi bayokulala emva kwentsimbi yokuqala ngentseni, kungekho sitalato nakona bangayingenanga bekhangela umntwana.

Iingxelo zidiza ukuba u- Iyapha ugqityelwe ukubonwa edlala kumzi wenenekazi ekurhaneleka ukuba kulapho ekushishinwa ngesiyobisi iTik, nalapho amapolisa aye athatha inenekazi elo ukuba ahambe ekhombisa abantu ebebekhe bangena. Nangona kwenziwe ezo nzame, akafumanekanga u- Iyapha kwade kwancanywa ukukhangelwa.

Ngentseni yangoMvulo, abahlali bothuswe sisithwakumbe sodaba lokubonwa komzimba wale ntwazana ecaleni kwendlu kanye kwezinye zeendawo ebekukhangelwe kuzo.

Umzimba ufunyenwe unxityiswe iplastiki yokufaka inkukuma kulo mzimba ungezantsi kubonakala ukuba kukho igazi kuwo.

Abahlali baye baqaphela igazi kumfana oliqabane lenenekazi elityholwa ngokuthengisa iTik, baze bambamba bebuza ukuba igazi ulithatha phi. Iingxelo zithi uqale ngokuthi ayilogazi koko uchithelwe yinto ebeyitya, kodwa emva kwexesha wathi akayazi ukuba igazi udibene nalo njani. Abahlali baye bafuna ukumbetha lo mfana besithi nguye odlwengule le ntwazana kodwa wasindiswa ngamapolisa aya kumvalela.

Othethela amapolisa kwisikhululo samapolisa aseLingelethu West uSajini Xoliswa Nyalambisa, uthe “amapolisa ayaziqinisekisa iingxelo zokufunyanwa komzimba wentwazana ebichazwe njengelahlekileyo kodwa akuka bikho mntu ubanjiweyo, kusalindwe iingxelo zohlolo lwesidumbu ukufumanisa unobangela wokubhubha kwanokuqinisekisa izityholo zokuba umntwana udlwengulwe.”

Nangona kunjalo, abahlali bona baqinisekile kwelokuba umntwana udlwengulwe.