Basaphila ngamabhakethi eNdlovini, eKatikati

Umhlali waseNdlovini eKatikati uNovintwembi Mbatane, etyotyombeni lakhe elingenambane nendlu yangasese egungxulwayo

Abahlali baseNdlovini eKatikati, basaphila ngendebe endala besebenzisa amabhakethi njengendawo yokugcina ilindle kwizindlu zangasese abazisebenzisa bezintsapho ezingaphezu kweshumi.

Ngenxa yokukruquka yile ntlalo, abahlali bala ndawo bavale ii-ofisi zakwamasipala isithuba seentsuku ezisibhozo kwiveki ephelileyo, benyanzelisa ukuba banikwe umbane, ugutyulo lwelindle nokuthathwa kwenkunkuma ezitalatweni.

UNayoyo Kimbili (71) akaboni ngamehlo, uphila kwikhaya elingenawo umbane, usebenzisa indlu yangasese esebenzisa ibhakethi, indlu yakhe yakhiwe ngodaka nangona ehlala elokishini.

UNolitheni Kimbili yinkosikazi yale ndoda ingaboniyo, uthi kunzima ukuphila kwintlalo yaseNdlovini.

“Xa efuna ukuya kwindlu yangasese ebusuku kunyanzeleka ukuba simfunqule, sibambisane ngaye ukuya kwindlu yangasese, sineminyaka engaphezu kwamashumi amabini sihlala le mpilo, sithenjiswa izithembiso ezahlukeneyo, sicela izindlu zokuhlala, izindlu zangasese nombane kurhulumente,” uthethe watsho uKimbili.

UNovintwembi Mbathane lelinye lamaxhoba okunukiselwa ngamabhakethi agcina ilindle elingathathwayo ngumasipala eNdlovini.

“Singena sichophe kwela bhakethi linye sonke kule ngingqi, eyona nto inzima kumaxa ligcwele, lichichize ke lisinukisele kubenzima nokutya kuba abalithathi abantu bakwamasipala, sipheka ngeparafini, asinawo umbane kunzima ukuphila kuthi.

UVakalisa Ceshemba oyinkokheli yombutho wabahlali uSANCO, uthi akukho nkqubo zophuhliso zikhoyo eKatikati.

“Ukusukela oko sagqitha kunyaka ka1994 akukho nto ikhe yaqhubeka apha eKatikati, kumnyama, akukho mbane ezitratweni, ulwaphulo-mthetho lwandile ngenxa yale meko, abantwana abaphangeli apha,” uthethe watsho uCeshemba.

Imali elikhulu lamawaka eerandi (R100 000) ebekumele ukuba isetyenziswe ukubiyela amangcwaba, ayaziwa ukuba ibheke ngaphi, akukho nempendulo, itsho ingxelo yabahlali.

Iphondo leMpuma Koloni lelinye kumaphondo asenengxaki yokusetyenziswa kwamabhakethi kwiindawo zasezilokishini.

Othetha egameni lesebe lamanzi nogutyulo lwelindle kweli, uSputinik Ratau, uthi ikhona inkqubela kwiphulo lokulwa le ngxaki.

“Kulo nyaka uphelileyo ngamashumi amabini amawaka amabhakethi esithe sawaphelisa kumaphondo amane weli loMzantsi Afrika kunyaka u2016, sijonge ukulikhulisa elinani,” ucacise watsho uRatau.

Abahlali babhale incwadi eya kumphathiswa wesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli uFikile Xasa, becela ukuba angenelele. Ngabasebenzi bakwamasipala abangaphezu kwamashumi amane abanqunyanyisiweyo kulo masipala. Othethe egameni lalo masipala uAnathi Nyoka, akafumanekanga ukwenza ilizwi kwezi zityholo.