Basaqhuba noqhankqalazo kuNtabankulu

UGUTYUNGELWE luqhankqalazo uMasipala wakuNtabankulu ukususela oko kwaqala ubhaliso lovoto.

Amakhulukhulu abahlali, mbombo zonke zalo masipala batyhola ngokungoneliseki yinkqubo yohambiso nkonzo engagqibelelanga kwiilali zahlukeneyo.

Zintathu iiwadi ezibandakanyekayo kolu qhankqalazo. Ummandla wakuWadi 5 eSidakeni sele ungene kwiveki yesithathu uqhuba nogwayimbo oluchaphazela isebe lezempilo nesebe lezemfundo.

Ii-ambulensi zaseSiphethu azikwazi kudlula, kuvalwe indlela, kanti abantwana besikolo abasalibeki esikolweni.

Aba bahlali banyanzelisa ukuza kucaciselwa ngomhla wokuqaliswa kokufakelwa umbane kule lali.

Kummandla wakuWadi 6 oneelali ezifana nooMatshona neeCacadu, indlela eya edolophini igrunjiwe, izithuthi azidluli.

KwaWadi 17, abahlali bafuna ukutshintshelwa umasipala basuke kwiNtabankulu bafakwe eMzimvubu okanye eMbizana nanjengoko bekude kakhulu kuneNtabankulu.

Abahlali bale ndawo bakwafuna nombane.

Isithethi somasipala akuNtabankulu uLixolile Petela uthe, kudala usodolophu esenza iinzame zokucacisa imicimbi kwiilali ezinezikhalazo.

UPetela uthi, uluntu aluzimiselanga kumamela lusebenzisane nomasipala.

Uthe umasipala ugqibe ekuqhubekeni edlulisa iinkonzo ngokwezicwangciso anazo angazidubi kukothuswa luqhankqalazo olungapheliyo.

NgoMgqibelo uSodolophu uVusi Mgoduka wahewulwa kakubi ngexesha eyokubongoza ukuba abahlali ebebekwaye ubhaliso baye kubhalisela uvoto.

isibhalo@inl.co.za