Basaxhentsa enkunkumeni eKomani

Ziphelile inyanga ezimbini bexhentsa enkunkumeni bephefumla ivumba elibi abahlali noosomashishini baseKomani ngenxa yoqhankqalazo lemanyano yabasebenzi iSouth African Municipal Workers Union (SAMWU).

Olu qhankqalazo luqale ekuqaleni ebutsheni benyanga Yekhala abasebenzi bekhalazela ukunyu-selwa imivuzo nguma-sipala. Othethe egamani labasebenzi uThabo Ngwane uthi kudala becenga imanejala zabo ukuba bakhawulelane nabo kulo mcimbi.

“Ingxaki yokuqala apha kukuba xa kusenziwa esisicwangciso sokunyuswa kwemivuzo saye sakhala sisithi noko nathi masibonelelwe, kuba ngokwesisicwangciso bekungekho kwanto ebesizakubonelelwa ngayo,” uthethe watsho uNgwane.

Olu qhankqalazo lubangele ukungcola okumandla kwizitalato ngenxa yokungathuthwa kwenkunkuma. Ukungasebenzi kwamagosa eendlela kulo masipala zezinye zeengxaki eziphazamisa intlalo yabahlali base Komani.

Omnye wosomashishini abakwisitalato iCarthcart uKameo Shaik uthi azithengwa izinto zevenkile yakhe iMokawens Supermarket ngenxa yenkunkuma.

“Le nkunkuma yenza ivumba elibi apha emnyango, abantu bayonqena kengoku ukusondela bazokuthenga apha evenkile,” utshilo ekhathazekile uShaik.

Lo kaShaik uthi yimali engaphezu kwezigidi ezibini zerandi (R2 Million) emlahlekeleyo ukusukela oko kuqale oluqhankqalazo. “Ezinye zezinto endizithengisayo zinexesha elisikiweyo, ezinye ziyabola xa zingade zithengwe ziyonakala zilahlwe kuba abantu abangeni evenkileni kuba izitalato ziyoyikeka nokuhamba eKomani, silahlekelwa yimali,”utsho uShaik.

Uqhankqalazo labasebenzi lubangela ukuba inkunkuma ingathathwa, inkonzo zogutyulo lelindle nazo zichaphazeleke ngokumandla kule meko.

Ukanti iinkokeli zabasebenzi zithi sikhona isivumelwano ekufikelelwe kuso kodwa basakhala.

“Sikhona sona isivumelwano qha ngoku abafuni kude basiqalise bathi makulindwe inyanga ka Septemba, kodwa bafuna ukuba thina siqalise ukusebenza asoze siyenze lonto,”ucacise watsho uNgwane.

Umhlali wasedolophini eKomani uDaliwonga Bidi uthi impilo zabo zisesichengeni ngenxa yobumdaka obubangwa loluqhankqalazo.

“Asazi nokuba ngoceba abangakwazi ukwenza umsebenzi wabo kuba bengawazi,okanye kukungabiko kwezakhono zolawulo na,”uthethe watsho uBidi.

Uthi impilo zabo zisesichengeni ngenxa yomoya omdaka abawuphefumla yonke imihla kuledolophu.

Ukanti usodolophu omtsha wesithili saseChris Hani uKholiswa Vimbayo uthi unethemba lokuba kuzakufumaneka isisombululo kulengxaki.

“Zikhona impazamo ezenzeke ekuqaleni kwayo yonke lenkqubo, kodwa ngoku okubalulekileyo kukuvumelana ukuze wonke umntu aneliseke,” uthethe oko uVimbayo.

Le ngxaki yenzeke kanye ngexesha lokuzalwa komasipala omtsha wendibanisela phakathi kwe Nkwankca, iTsolwana neLukhanji besenza umasipala iEnoch Mgijima.