Basebenzisa izandla zabo ukugxotha ikati eziko

Basebenzisa izandla zabo ukugxotha ikati eziko oomama baseNdlovini eWesley.

La makhosikazi eprojekthi ebizwa ngokuba yiNolusizo Weavers benza iimethi nabathi bazithengise kwiindawo ezahlukeneyo kuquka iPort Alfred, Grahamstown kunye naseBarthust.

UNolitha Mbikwa nongomnye wabasebenza kule projekthi othi yasungulwa ngonyaka ka-2014 kwaye bangamalungu alishumi elinanye.

Uqhube wathi “Iyasinceda kakhulu leprojekthi kuba asilindi kuphele inyanga ngaphambi kokuba sifumane imali.”

Udize ukuba basebenza yonke imihla ngaphandle kweempelaveki kwaye umntu ufumana imali ngomsebenzi wakhe othengiweyo.

UNobonile Velem oneminyaka engamashumi amahlanu anesithandathu nongomnye wabasebenza kule ndawo. Uthi babeswele into yokwenza ngethuba ingakavulwa. Uqhube wathi “Ndiyakwazi ukuthenga ukutya ndibhatalele nabantwana bam esikolweni ngemali endiyifumana apha.”

Ukwavakalise ukuba ukudibana kwabo akukho ngenxa yokuthenga yokuthunga kuphela kodwa bayakhuthazana nanjengoko bengamakhosikazi azikhulisela abantwana babo. NoMonica Velem uncome umohluko owenziwe kukusebenza kwakhe eNolusizo Weavers nanjengoko ebengasebenzi kwaye izinto bezinzima kakhulu kuye.

Uqhube wathi, “Bekunzima kuba sihlala sibasibhozo kwaye andinamntu undincedisayo.”

Ukwavakalise ukuba ngoku uyakwazi ukunceda usapho lwakhe njengawo wonke umzali. “Ndandingazi nto ngakwenza methi ngoku ndandifika apha kodwa ngou ndiyakwazi,” utsho uMonica.

Wenze umbulelo kubaphathi babo abeza necebo lokuvula iNolusizo Weavers. Iimethi abazenzayo zibiza imali engange R300 ukuya kwi-R950.

UColehe Tilley oyimanejala yale ndawo uthe esona sizathu esabangela bavule le ndawo linani eliphezulu lentswelo-ngqesho eWesley. Nalapho babona ukuba mabancede uluntu lwalendawo ngokuthi bakhe iNolusizo Weavers.

Uqhube wathi, “Uninzi lwabantu lunezakhona nto nje badinga uncedo lokuqaqambisa ezo zakhono banazo.”

Ukwathe bazimisele ngokuqhubeka benceda uluntu lwale ndawo.

Akukho mali ibhatalwayo ngokuba seNolusizo Weavers.