Basela amanzi nezilwanyana eKhwanyana

Abahlali baseKhwanyana eSajonisi basela amanzi nezilwanyana, kushiyana oqale wafika nanjengoko xa zifike kuqala ziqubha ziphinde zingcolise amanzi umfanekiso: Buziwe Nocuze

Abahlali baseKhwanyana eSajonisi basela amanzi kunye nezilwanyana nangona iitepu zamanzi babezifakelwe. UGcobisa Siko noneminyaka engamashumi amabini anesihlanu ubudala uxelele I’solezwe ukuba naye ukhule bephila le mpilo yokusela amanzi kunye nezilwanyana.

“Ngethuba kufakwa iitepu saye sanethemba lokuba aza kuphuma amanzi, kodwa athatha nje iveki ukuya kwezimbini ukuba andiphazami, awaphinda aphuma kwaye asisazi isizathu soko,” utshilo uSiko.

Abahlali bale ndawo kufuneka bavuke ngobumnyama xa befuna ukufumana amanzi acocekileyo.

“Kufuneka sivuke ngentsimbi yesine ukuya kweyesihlanu ekuseni ukuba sifuna ukufumana amanzi acocekileyo kuba ngelo xesha iihagu kunye neebhokhwe azikayi emlanjeni,” utshilo uSiko.

Omnye wabahlali bale ndawo uthe uceba wabo akabakhathalelanga kwaye akukho nto abenzele yona bengabahlali bale ndawo.

“Iminyaka ilishumi enguceba akukho kwanto asenzele yona thina kwaye usiphoxile kakhulu kuba ngethuba simonyula samkhetha kuba sisazi ukuba ukhulele apha kwaye uyakwazi ukuhlupheka kwethu,” utshilo umhlali.

Watsho esithi akukho nto ibonakalayo abanayo. “Uphuhliso alukho tu kule ndawo yethu, kunjalo nje sele sibuncama xa kohluleke nalo wendawo yethu uceba,” utshilo umhlali.

I’solezwe lesiXhosa lihambe nomnye wabahlali bale ndawo nobesiya emlanjeni nalapho lidibene nehagu isuka emlanjeni. Ngethuba lifika emlanjeni nomhlali, amanzi ebesele emdaka nanjengoko bekubonakala ukuba ihagu iwangcolisile.

“Yeyona mpilo siyiphilayo ke le kufika wena kuqala okanye izilwanyana zifike zisele zakugqiba ziqubhe kula manzi,” utshilo umhlali.

Nangona amanzi ebesele emdaka kodwa umhlali uwakhile ngelithi uza kuwasebenzisa enjalo kuba ayikho enye indawo aza kuthi afumane kuyo amanzi.

“Ndiza kupheka ngawo ndivase neempahla ngoku enje, yimpilo yalapha le akukho nto intsha kuthi kwaye kubonakala ukuba sokuze sifumane manzi acocekileyo,” utshilo.

Ebuzwa ukuba la manzi ingaba akabagulisi na xa bethe bapheka ngawo, uphendule ngelithi: “Ndineminyaka engamashumi amabini anesithoba kulo nyaka, oko ndakhula ndisitya la manzi kuba nabazali bandikhulise ngawo ngako oko sesiwaqhelile thina.”

UZuko Mpinda noneminyaka engamashumi amane anesithathu ubudala, uxelele I’solezwe ukuba abantu basezilalini abakhathalelwanga.

“Makhe sijonge ukuba mohluko mni na oza kwenzeka emva kokuba kupapashwe la manyala, inyaniso kukuba akukho nto iza kwenziwa kwaye ndiyayazi ukuba iinkokheli eziphezulu ziza kulibona eli nqaku kodwa akukho nto ziza kuyenza kuba singabasezilalini kwaye kubo akukho nto ingaqhelekanga xa sisela amanzi amdaka olu hlobo,” utshilo uMpinda.

UZolile Maqhina nonguceba wakwaWadi 3 notyholwa ngokungabakhathaleli ngokungazisi phuhliso kule ndawo, uzikhanyele ezo zityholo. “Xa besithi akukho nto ndiyenzileyo andinakuphikisana nabo yindlela ababona ngayo leyo nangona ingenabunyani nje kuba amanzi ebefakiwe amoshwa kwangabo,” utshilo uMaqhina. Uqhube wathi amanzi kule ndawo anikezelwe ngeyeKhala ku2018, kodwa khange libe lide ithuba amasela eba idizili esetyenziswa ukuphampa ijenereytha ukuze bafumane amanzi.