Basela ngokudlulisileyo eCoffee Bay

Ibhodi elawula ukuthengiswa kotywala eMpuma Koloni, i-Eastern Cape Liquor Board ingenelele kwingxaki yokuselwa ngokudlulisileyo kotywala lulutsha lwaseCoffee Bay eMqanduli.

Ngokwengxelo, ulutsha lungene banzi etywaleni nto eyo inyusa ulwaphulo mthetho ngendlela embi. Le bhodi ityelele ulutsha laseNenga eCoffee Bay ngeliyophulaphula iingxaki zolutsha, yandule ukukhangela izisombululo nendlela yokungenelela, kulandela isimemo seenkosi zemveli kulo mmandla.

UMgwebi Msiya othethela le bhodi uthi bebefuna ukuva iingxaki zolutsha ezibangela ukuba lusele kakhulu.

“Sinazo indlela zokungenelela sakufumana ingxaki zolutsha, eziquka imidlalo nokuxhasa ookopolotyeni ukuze ulutsha lungadingi nto yokwenza” Kutsho Msiya.

USandi Tshemese wolutsha laseCoffee Bay uthi bangene banzi etywaleni belulutsha,

ngenxa yokungabikho kwemisebenzi. Uthi babona utywala njengesisombululo kwiingxaki abajongene nazo.

Uthi ukuba banokuxhaswa ekusunguleni imidlalo bangaliphumelela eli dabi. Amapolisa athi ulwaphulo mthetho oluninzi luqhambuka kwiindawo zentselo.

UColonel Miranda Namba wamapolisa uthi la mmandla wonganyelwe ngamatyala okubulawa kwabantu angasombululekiyo.

Ukwathi ingxaki yolutsha aluphangeli nto leyo idala lubhenele kulwaphulo mthetho. Ucebise ulutsha ngobungozi bokungena kulwaphulo mthetho.

UMfundo Thafeni owayefudula elibanjwa iminyaka elishumi elinesibini waphuma ngengqawule, uxelele ulutshangobungozi bolwaphulo mthetho.

UNkosi Lindiwe Cebiso, uthi iindawo ezithengisa utywala zivula kubesebusuku.

Le bhodi ithembise ngokubuyela kulo mmandla waseNenga ngelizonceda emva kokufumana iingxaki zolutsha.