Basenkundleni abaseNyobeni

Babuyela ngomso uLwesihlanu enkundleni yamatyala eMonti abangabanikazi bendawo yolonwabo iEnyobeni eScenery Park, uVuyokazi Ndevu (43) kwakunye nesithandwa sakhe uSiya Ndevu (52).

Le ndawo yabulala abantwana abangamashumi amabini ananye (21) ngenyanga yeSilimela kulo nyaka, ngethuba bejuxuzela ukuhlamba iphepha njengoko ngolo suku babegqiba ukubhala iimviwo zabo zaphakathi enyakeni.

Amaxhoba aphakathi kweshumi elinesine (14) ukuya kumashumi amabini ananye (21) ubudala, kwaye ngabezikolo ezokuhlekeneyo zaseMonti.

Ngokokutsho kweGunyabantu lezoTshutshiso (NPA), ooNdevu bajongene namatyala amabini, elokuthengisela abantwana utywala abangaphantsi kweminyaka eyi18 kwanokuvumela abasebenzi babo bathengisele abantwana utywala obunetyhefu.

Esi sibini ngomso siza kube sivela ityeli lesine phambi kwenkundla yamatyala njengoko ityala labo limana limiswa ngenxa yeenkcukacha ezimana zivela kuphando olwenziwayo.

INPA ithi iza kuqinisekisa ukuba ityala liyaqhubeka kwaye akukho ziphazamiso.

Abazali baba bantwana bathi baphelelwa ngumonde bona ngenxa yalo zengezenge wetyala ungade ucace.

OoNdevu baxoxa bengaphandle ngebheyile.